Indlela Yokupheka Inyama Yomvundla

© Coniglio

Inyama yomvundla, yinyama emhlophe engatyebanga, kwaye isempilweni kakhulu. Ayinawo kwamanqatha. Amanqatha akhoyo asezintsweni kuphela kunye nemicwana esemagxeni. Lenyama izele ziiproteni (zingafikelela kuma 20%, kuxhomekeka ukuba ubusondliwa ngantoni). Kwaye inesibalo esiphantsi kakhulu samafutha-icholesterol ke ukutsho. Yinyama ekulungeleyo ukutyiwa zizigulane kunye nabezemidlalo, kuba iyakhawuleza ukucoleka.

Inyama yomvundla ingasetyenziswa nakweyiphi na iresiphi elungiselelwe ukupheka inkukhu. Kufuneka uqaphele ke ungaze uyipheke kakhulu, kuba izakoma kwaye ibelukhuni. Kuba kungekho mafutha kulenyama, ungayiqaba nge oli edityaniswe neziqholo ngaphambi kokuba uyipheke ukuze uyigcine ifumile. Ungayiqaba nge oli, itamati sosi, iwayini, igalika, ityuwa kunye ne pepper okanye ngazo naziphi na iziqholo ozithandayo ezifana ne parsley kunye ne thyme.
Indlela eyintandane yokupheka lenyama kukubilisa umvundla uphelele kwi stock esityetyisiweyo. Esi stock singenziwa ngawo onke amasuntswana asikwe emzimbeni, kuquka intloko, izintso, intliziyo njalo-njalo. Galela amatswele, iminqathe, igalika, kunye namanqathana enkukhu okanye kwanto ilifutha. Ubeke ecaleni isibindi ukuze upheke ngaso isidlo se pate. Ungagalela ke ne stock sencasa yenkukhu okanye yepepile, ukwenzela incasa. Emva kokuwubilisa, wunqunqe, uwunkxuze eqandeni nakwii mbuqe zesonka uze uwugcade kwi oli. Wugalele iziqholo uze wonwabele isidlo esimuncisa iintupha.

Umvundla ungaphekwa nasemlilweni obaswe phandle. Qala uqabe umvundla nge oli kunye neziqholo, uze uwupheke ngokukhawuleza ukuze ungomi. Ukuwubilisa kuqala uze uwuqabe nge oli neziqholo licebo elihle ukuze ijusi enencasa ihlale ngaphakathi enyameni.

Izibindi zomvundla zingenza isidlo esimnandi esibizwa nge pate. Ungasebenzisa izinongo ezilula ezifana namatswele, iziqholo, ibhotolo, kunye ne sherry okanye ibhulanti, ukuze ibenencasa emnandi eyondeleleneyo. Pheka izibindi ngamatswele kunye neziqholo de kukhameke onke amanzi asematsweleni nakwisibindi. Susa imbiza emlilweni, galela ibhotoo kunye notywala obukhankanywe ngasentla uzamise de ibe iyondelelene kakuhle.

Translated by Zizipho Silwana