Indawo Zokutyela Ezifunekayo zee Nkomo zo Bisi
©Rykie Visser Agrinet / Gibson Supplies
Logama ukhangela ukuthenga iinkomo zo bisi xa uzakuqala ifama yobisi, izinto ezithile funeka zifakelwe phambi kokuzisa iinkomo kwifama entsha. Okokuba kulungiswe selezihlala iinkomo kungazenza umva ndedwa kuphazamise nokuvelisa ubisi kuzo.
Iinkomo ezincancisayo zidinga indawo yokutyela, zisengwe kabini nge mini nendawo yokulala ziphumle. Indlu yeenkomo ezingancancisiyo, mathole, nee mazi ezikwi minyaka eyahlukileyo ziyafuneka. Isakhiwo esifunekayo sixhomekeka kuhlelo lokutyisa elisetyenziswayo.
ukuTyiswa Emadlelweni kwe Nkomo zo Bisi
Ukutyiswa emadlelweni, indawo ebekelwe bucala yokutyisa iinkomo enengca iyafuneka. Ubukhulu bedlelo kufuneka noko ibeyi hectare kwinkomo ezintathu ezincancisayo nendawo eyongeziweyo yokutya yenkomo ezinga ncancisiyo nee mazi. Lendlela yokutyiswa yamadlelo ifuna indawo yokugcina izixhobo zokunkcenkceshela ukuze kunkcenkceshelwe amadlelo. Oku kuyadingeka ukuncedisana nemvula, eye inganethi rhoqo ngokwe xesha lonyaka nembalela ende. Impompo nemigca yo nkcenkceshelo ezisa amanzi emadlelweni ziyafuneka. Indawo zamanzi okusela kufuneka zibekhona emadlelweni. Lendawo ingasisigxina okanye ihamba-hambe.
Iinkomo Ezingatyiyo eMadlelweni
Olunye uhlobo kukuba iinkomo ziyangayi emadlelweni. Iinkomo zityiswa okuxutyiweyo Total Mixed Ration (TMR) kabini ngemini. I-TMR yindlela yokutyisa iinkomo edibanisa ingqolowa, amazimba, ukutya kwe protein, minerali, kunye nezakha mzimba kunye nokutya okufakwe izakha mzimba ngomxube. Izilwanyane ziya qokelelwa zityiswe ngokwe migangatho yemveliso. Umzekelo umfama ovelisa ubisi ubane ndawo zikhewu ngezi khewu zenkomo ezincancisayo, ezingancancisiyo, iimazi ezohlukileyo ngeminyaka namathole. Ndawo nganye mayibeno kutya namanzi ezilingene iinkomo ezincinci okanye zibe mxinwa ukuncedisana namathole.
Phantsi ingangu mhlaba okanye ikonkrete. Xa kukho umhlaba kufuneka indawo enkulu engange 50 ukuya ku 100m2 nkomo nganye kuxhomekeke ekuqinisekeni nakwi mvula. Ukwenza kube lula ukuhluza, apha phantsi kufuneka kwenyukele kancinci ukuya kwindawo yokutyela. Kungenjalo, ukunyathela kwindawo yokutyela kungenza udaka oluninzi nemeko ezingekho sempilweni. Ikonkrete enobude obungu 2-3 m kwindawo yokutyela, kunganceda indawo ingabikhomanzi kwaye ingabi nodaka.
Translated by Zikhona Plaatjie