Indawo Yabafazi kwi Nkcubeko yama Venda

Ukubaluleka kwa Bafazi bama Venda

©Dr Peter Magubane

Ngokwe nkcubeko nesintu abafazi bama Venda babengenayo indawo esezantsi ejongelwa phantsi kumaqela amaninzi alapha eMazantsi we Afrika. kwinkudla yakhe, mfazi wayenolawulo, kwaye mandulo oomama abadala babedlala indima enkulu kwimfundo, ukubalisa amabali wabo behleli emlilweni.

Abafazi babene mihlaba, ebabeyinikwa ngabayeni babo, kodwa yayifumaneka njengelifa xa kungekho ndlalifa iyindoda. Kukhona imeko apho abafazi babesebenza njengo mcebisi kunyana omncinci, kunye ne khosi yayikwazi ukuchonga udadewabo njenge nduna okanye mukona. Kwakubakho umfazi okanye ibhinqa elinye elalithi lilawule kwi (Mianzwi).

I-Makhadzi, usisi omdala wase bukhosini, wayesazi ezona mfihlelo zosapho zinzulu kwaye waye namalungelo amaninzi phezu kwabantwana bomnakwabo nomama wabo. Amasiko amaninzi ayengenziwa ngaphandle kwakhe, kwaye endaweni yeekumkani wayedlala indima enkulu ekugqibeni inkosi elandelayo.

Translated by Zikhona Plaatjie