Imveliso yeGwava

Iimveliso neMisebenzi

©Louise Brodie

Iigwava zityiwa zikrwada. Zingasikwa zibe ziikota okanye zityiwe okwe apile. Esi siqhamo sidityaniswe kwii saladi okanye sityiwe neswekile ne cream njenge dessert. Iigwava zikwa tyiwa ngentwana yetyuwa kwaye zikwasetyenziswa ukwenza iisoci ezithile. Njengoko esi siqhamo siqulathe amaqondo aphezulu epectin, iigwava zisetyenziswa kakhulu ukuvelisa iilekese, izinto ezigcina ukutya kungonakali (preserves), iijeli kunye neejem. Iigwava zingenziwa ijusi, zinkonkxwe okanye zomiswe.

Imveliso yeHlabathi

Ukuza kuthi gaa ngoku ilizwe lase India lelona lihamba phambili ekuveliseni iigwava, kwaye livelisa malunga nama 40% kwihlabathi lonke. Eli nani lilandelwa ngamazwe eChina, Thailand, Pakistan, Mexico, Indonesia kunye nase Bangladesh.

Imveliso Yase Mzantsi Afrika

Iigwava zafika eMzantsi Afrika kwilizwe lase Ntshona Koloni, zabe sizuka eMadeira. Intsimi yokuqala yentengiso yalinywa kwindawo yase Paarl ngomnyaka ka 1890, ilinywa ngu Faan Retief. Eyona mimandla mikhulu yemveliso eMzantsi Afrika ikumaPhondo ase Ntshona Koloni, Mpumalanga kunye nase Limpopo.

eMzantsi Afrika iigwava zazikade ziveliselwa ukunkonkxwa. Ekuhambeni kwexesha zaveliselwa noku tyiwa zinjalo, ukwenza iijusi, ijem kunye nokomiswa. iPhondo le Ntshona Koloni liphinde labona ukuvuseleleka kwemveliso ye gwava. Amashishini wokunkonkxa nawokwenza iijusi ngawo ahamba phambili koku. Unintsi lwee gwava eziveliswa eNtshona Koloni zisetyenziselwa ukwenza izinto ezifana neejusi. Malunga nesiqingatha sale mveliso sithengiselwa amanye amazwe sicunyiziwe sayi purée. Iigwava azithengiswa kwamanye kwamazwe ziinjalo ngenxa yemiceli mngeni ye phytosanitary. Kodwa ke inani elikhulu lee gwava ezenziwe ezenziwe ezinye izinto zithengiselwa kwamanye amazwe minyaka le.

Intengiso

©Louise Brodie

Ezisandula kuvunwa
Iigwava ezisandula kuvunwa ziyafumaneka kulo lonke eloMzantsi Afrika ngenyanga zobusika neziphakathi kwenyanga ka Epreli neka Septemba. 

Ezinkonkxiweyo
Iigwava ezivuthiweyo nezikumgangatho ophezulu ziyavunwa ze zithuthelwe kwiindawo enkonkxayo. Nalapho ziye zixotyulwe ze zinkonkxwe. Iigwava ezinkonkxiweyo zingasetyenziswa kwii dessert (izimuncu muncu zase mva kwesidlo), ekubhakeni okanye kwiisaladi. Le ndlela yeyona iwungenisela imali uMzantsi Afrika kwintengiso zamanye amazwe.

Ezimfaxangiweyo
Iigwava ezininzi ziyavunwa zize zicunyuzwe ukuze kwenziwe imixube yeejusi ezifana nomongimali. Ezi jusi zenziwa phakathi elizweni nakumazwe angaphandle. 

Ijusi ye Gwava nemixube yeziqhamo
Igwava jusi yeyona ithandwa kakhulu ngabathengi. Amandla encasa yegwava akwenza kubelula ukuba ixutywe nezinye iziqhamo ukwenza ezinye iijusi. 

Igwava Eyomisiweyo
Isiqhamo esomisiweyo saze sagalelwa iswekile. Izikwere kunye nezi roliweyo yeyona miqwayito yegwava ixhaphakileyo.

Translated by Zizipho Silwana