Imveliso Yee Nkowane

©Marinda Louw

Imveliso yee nkowane ityiwayo ezentengiso sele inyuke ngesibalo esiphinda phindwe ngama 30 ukusukela ngomnyaka ka 1978. Indidi ebizwa nge shiitake (Lentinus edodes) ibekwisibalo esingama 22% eenkowane zonke zehlabathi. Ezinye iindidi ezibalulekileyo zeenkowane ziqukaI. 

I-oyster, button kunye nee brown (Agaricus spp) enoki kunye ne nkowane ezityiwayo ze jelly fungi (Auricularia spp). Ezi ndidi zintlanu zee nkowane zenza ama 85% eenkowane ezilinywayo ehlabathini liphela. 

Ngaphandle kokulima ukutya okunexabiso, noku nokuba negalelo ekunciphiseni indlala, imveliso yeenkowane ikwasebenzisa iimveliso ebezinokulahlwa kwezolimo ezifana ne manyolo yeenkukhu kunye nengca yengqolowa. 

Iinkowane ngumthombo wokutya okune zinongo ezinokusetyenziswa endaweni yokutya kwaye zinemivuzo emininzi yempilo namayeza. Ngaphezulu, emva kwemveliso yeenkowane, isubstrate esetyenzisiweyo (umgquba weenkowane) ukulungle ukuphinda usetyenziswe njenge sichumiso somhlaba ngenxa yoku kwazi kwawo ukugcina izinongo zomhlaba.

Yintoni Inkowane

Ayisosilwanyanga ingesosityalo. Iinkowane ziphantsi kobu kumkani bokungunda/fungi. Iinkowane yimizimba ye fungi enesiqu, umnqwazi kunye nee gills. Kodwa zikhona nezinye iindidi ezingabina siqu. Iinkowane zikhula kwi substrate eziyisebenzisa ngengokutya, njegoko zingena chlorophyll kwaye azinakuzenzela okwazi okutya njengesityalo esiqhelekileyo. 

Zonke iinkowane zivelisa ispores (okanye imbewu) nezinwenwisa ngumoya, logama iinkowane zona zikhula kwi organic substrate. Endle, le substrate isenokuba ngumthi obolileyo, kodwa kwiifama zentengiso, le substrate iba ngumgquba.

Imveliso Yee Nkowane Ehlabathini Jikelele

©Sakurai Midori

Ilizwe lase China lelona lihamba phambili ekuveliseni (naseku sebenziseni) iinkowane kunye nee toni ezingaphaya kwe zigidi ezi 5 eziveliswayo unyaka ngamnye. Ilizwe lase Italy (761 000 tonnes), iMelika (390 000 tonnes), iNetherlands (301 000 tonnes) kunye ne Poland namanye amazwe avelisa izixa ezithe xhaxhe.

Ilizwe loMzantsi Afrika livelisa malunga nee toni ezingama 21 000 ngonyaka (2018). Isiqingatha sabavelisi beenkowane bakwi Phondo lase Rhawutini, ama 28% akwelase Ntshona Koloni, ze ibeyi 17% KwaZulu-Natal. Ezinye zeenkowane eziveliswa eMzantsi Afrika zithengiselwa amazwe angaphandle. Zithengiselwa kakhulu amazwe asebumelwaneni afana ne Namibia kunye ne Mauritius.

Imbali Yokulinywa KweeNkowane eMzantsi Afrika

Ifama yokuqala yeenkowane eMzantsi Afrika isenokuba yileyo ye gynaecologist uDr. Charles Kark kwingingqi ebizwa ngombindi Sandton namhlanje. Phofu amanzi ahamba phakathi kwe paki eluhlaza embindini we Johannesburg CBD nobizwa nge ‘Silver Stream’, neligama lale gama yeenkowane neyayinkonkxa ukutya eyayichimile ngeminyaka yoo 1950. Le fama yahamba yathengiselwa inkampani i-Tiger Brands, yaze yathengiselwa iTongaat Mushrooms neyayisele idibanise ne Denny Mushrooms ngeloxesha.

Umbutho wamafama eenkowane obizwa nge The South African Mushroom Farmers’ Association (SAMFA) wangomnyaka ka 1984 kwaye usebenzisa imali ezikhutshwa ngamalungu ukwenza uphando nokupapasha kwezentengiso.

Translated by Zizipho Silwana