Kukho ubudlelwane obuhambelana ngqo phakathi kwempilo yomhlaba kunye nempilo yesityalo, kucacisa u-Alan Rosenberg kwincwadi yakhe ethi Global Health in Crisis - the answer lies in the soil.
Isizathu: ngokuye umhlaba uchuma, ngokuye ebambalwa amathuba okuba izityalo zizaku hlaselwa zizonakalisi kunye nezifo. Ngamanye amagama, xa umhlaba usempilweni izityalo nazo ziza kuba sempilweni. Ngoko ke, izifo nezonakalisi ziimpawu zokuba umhlaba awukho sempilweni.
Ubudlelwane phakathi kwempilo yesityalo kunye nempilo yomhlaba beza ne bioogist yom French, uFrancis Chaboussou. Lo ka Chaboussou weza nombono awawubizwa nge trophobiosis necacisa ukuba ‘izonakalisi ziyafa yindlala xa isityalo sise mpilweni’.
Izonakalisi ziyanda kwizityalo ezine swekile epakisheneyo, i-amino acids kunye nee minerali ezikwi cell zesityalo. Izityalo ezikhula zise mpilweni zine metabolism esebenza kakuhle nalapho eziswekile, i-amino acids kunye ne minerali ezikwi cell zisetyenziswa ngesantya esinye eziveliswa ngaso. Incindi ye cell zesityalo, ngoko ke azibi nazinto zangezelelweyo, kwaye akubikho zinto zaneleyo zokuba izonakalisi zingazitya ukuze zande.
Umsebenzi we agrochemicals uphazamisa imetabolism yesityalo, nto leyo ikhokelela ekucotheni kokwenzeka kwe proteni kunye nokupakishana kwe amino acid ezikwi cell zesityalo. Oku ke kwenza ukuba isityalo sibe nomtsalane kwizonakalisi.
Ukugalelwa kwe nitrogen eyongezelelweyo kungakhokelela kwi amino acid engaphaya komlinganiselo ofunekayo.
Kubalulekile ukuba kujoliswe kwimpilo nezinongo zomhlaba endaweni yempilo yezityalo. Izinongo zomhlaba ezilungileyo ziza kwandisa iimicrobes zomhlaba, nto leyo iza kuphucula ukuchuma komhlaba, ukufumaneka kwezinongo, kunye nokufikeleleka kwamanzi kwizityalo.
Lo mbono ungqinelwe nalu papasho lwe Dyunivesithi yase Carlifornia, Managing for Soil Health Can Suppress Pests. Olu papasho lucacise ukuba ‘ukulawula impilo yomhlaba kungaba yeyona nxalenye ibalulekileyo kulawulo lwezonakalisi.
Umhlaba use mpilweni xa imeko ze biology, ikhemikhali kunye nomhlaba ubuqu buya hambelana-ezi meko ziyachaphazelana. Umzekelo, umhlaba odame amanzi ungakhokelela kwilahleko ye nitrogen, neyi ngxaki ye khemikhali. iNitrate (intlobo ethile ye nitrogen) iba ethe ethe kwaye iyaphela ngohlobo lwe gesi ye nitrogen (N2). Xa izityalo ziphantsi koxinzelelo ngenxa yemeko zomhlaba (imbalela, ipH, ukunqongophala kwe zinongo, ukupakishana komhlaba njalo njalo) ziye zingakwazi ukumelana ncam nezifo kunye nezonakalisi.
I-Organic matter yomhlaba sisisekelo somhlaba osempilweni. Umhlaba osempilweni, ozele yi organic matter une microorganism ezahlukeneyo ezininzi neziye zincede ekucukucezeni i-organic matter neye iphumele kwizityalo njenge zinongo.
I-Microorganism ezisemhlabeni zingaba luncedo kwizityalo ngendlela ezahlukeneyo. Iintsholongwanwe ezithile ezifana ne Bacillus, zingakhupha ii-antibiotics ezikhusela izityalo kwizifo logama ezinye zikhusela ingcambu yesityalo. Imisundululu inciphisa ukupakishana komhlaba logama ukungunda okubizwa nge mycorrhizal kunceda ekusetyenzisweni kakuhle kwe phosphorus.
Inyathelo lokuqala kukuqinisekisa ukuba izityalo ziyachuma kwaye zisempilweni. Oku kungenziwa ngokugalela i-organic matter emhlabeni (umgqquba. Ingca eyomileyo, ukutyala izityalo zokugquma njalo njalo) ukuxhasa imicrobes zomhlaba ezahlukeneyo.
Izityalo ezisempilweni zibonakalisa ukuba umhlaba usempilweni. Umhlaba osempilweni uxhasa iimicrobes ezininzi ezise mpilweni. Ezi ziquka imisundululu kunye nezinye izinto eziphila emhlabeni.
Ukhukuliseko nokuqina komhlaba ongaphezulu emva kokutyala kubonakaisa ukuba kukho undonakele kumhlaba lowo kwaye umhlaba uphulukene nezinongo okanye azifikeleli kwisityalo.
Translated by Zizipho Silwana