Imida Yokufuya I-Catfish e-Mzantsi Afrika

©Leslie Ter Morshuizen
Zininzi iinzame ezenziweyo zokufuya icatfish eMzantsi Afrika mandulo, kodwa azikho ezathi zanempumelelo. Nganye yezifama zazi jongana necala lokuvelisa kwishishi kwaye kwabakho impumelelo ekukhuliseni nasekuveliseni icatfish, kodwa abazange bakwazi ukuthengisa imveliso ezaneleyo ukuze bakwazi ukuzimela ngokwe zezimali.
Ifama ese Graaff-Reinet evelisa icatfish yaqalisa ngokwenza imveliso ezifunwa ngabantu nokufumana abathengi bezomveliso kwaye iyakholelwa okokuba ukungabikho kwabathengi kungayeka ukuba yingxaki.
Ngenxa yezakhono nokufuna imali eninzi kwemfuyo yentlanzi kumanzi amatsha, kunzima kwindawo zokuhlala noluntu olungenayo nenye, okanye zombini okokuba bangene kwimfuyo yentlanzi ngempumelelo.
Yiyolonto kucetyiswa okokuba ukufuywa kwentlanzi kumanzi amatsha okwenzelwa ukuphuhlisa kungcono kwenziwe njenge ‘nkqubo yabucala yokukhulisa’. Ubunzima benqanaba lokwenziwa kwendawo yokuhlala iintlanzi benza kubenzima benza zilungele indlela ‘yabucala’ yemveliso. Indawo esesiphakathini kufuneka yenze umsebenzi ofuna izakhono efana nokwenza indawo yokufaka intlanzi, ukuthenga ezininzi, ukulungiswa kwe catfish, intengiso, uqeqesho nolwandiso lwenkonzo logama ndawo nganye yentengiso yabucala itenga iintlanzi ezincinci kwindawo ezigcinwa kuyo, ze bazikhulisele intlanzi ngendlela abafundiswe ngayo kuqeqesho nengcebiso yalowo usebenza ngeentlanzi kufuphi. Ezindawo zabucala ziye zithengise intlanzi kwindawo entengiso yentlanzi eziphilayo, ziye ziphinde zizithengise apho ziveliswa khona.
Ngalendlela, indawo eziveliswa kuyo ingafumana inkxaso mali yabucala logama ndawo zabucala zona zikwazi ukufumana uncedo lwenkxaso mali, xa sikhona isidingo zixhaswa ngurhulumente ngesibonelelo okanye ngemali mboleko, enenzala ephantsi. Lendlela sele isetyenziswa kwezinye indawo zemveliso zentlanzi kumanzi amatsha intlobo i (mussels, koi) kodwa hayi okwangoku nge catfish. Nali ke ithuba.

Translated by Zikhona Plaatjie