Ikhwelo ku Dr. Peter Magubane, ngokubhalwa ngu David Meyer-Gollan

© David Meyer-Gollan

Imifanekiso ithetha kuvakale

Ukusukela kwizitalato zase lokishini ukuyoma kumaholo Amandla, uMnumzane uPeter Magubane uchithe ngaphezulu kwesiqingatha senkulungwane ethatha imifanekiso yomzabalazo ochaselene nobandlululo nakunye nezinye iingxaki zentlalo.

Kungelixesha apho athe wasondelana kwaye wazana no tata uNelson Mandela kakhulu. – Kuqala njenge tyendyana lenkokheli yezopolitiko obe dume kakhulu kwilizwe lonke, wamazi kwakhona njenge gorha lomzabalazo.

Kwithuba leminyaka kwakheke ubuhlobo phakathi kwaba babini bezopolitiko – Omnye ebethetha ngamazwi nezenzo, omnye ethetha nge khamera.

Emva kokhululwa kuka Mandela entolongweni ngenyanga yomdumba (February) ngonyaka ka 1990, uMagubane watyunjwa njengofoti wakhe ngoku sesikweni ukubonakalisa uhambo notshintsho leli lomzantsi Afrika lweminyaka emine (4) ukuya enkululekweni.

Ukususela apho wenza amathuba amaninzi okuthatha ifoto kulawulo lwe politiki. Yena uMagubane waye nonxibelelwano olu lodwa kuMandela nosapho lwakhe.

Umsebenzi okhethekileyo

UDokotela (Dr.) uPeter Magubane ngomnye wabemi bomzantsi Afrika abanconywayo kwaye abaziwa kwilizwe jikelele ngomsebenzi wokuba ngumfoti/ umthathi mifanekiso. Uqale lomsebenzi wakhe ungaqhelekanga ngonyaka ka 1954 nencwadi eyaziwa ngokuba yi drum magazine.

Oku kwamthatha kwambeka phakathi kwinzame nemikhankaso yokulwa ucalucalulo. Emva kweminyaka yokusebenzela idrum magazine, uMnumzana uPeter waveza imifanekiso yakhe phesheya (Europe) waze emveni koko wayokufunda uMelika (U.S). Emva ekhayeni ngonyaka ka 1966, waye wazibandakanya ne phepha iRand Daily Mail.

Kwithuba lenyanga yesilimela (June) 1969 uyokuma ku 1971 uPeter wachitha intsuku ezingamakhulu amahlanu anamashumi asibhozo anesithandathu (586) ulugcinweni olulodwa. , ze emvakoko wanqunyanyiswa ukusebensi Afrika kulawulo olutsha lwezepolitiki.

UPeter wafumana ukuwongwa amatyeli amaninzi ngokuzinikela kwakhe negalelo lakhe elincomekayo kwilizwe lwaba foti. Kwenye yezi mbasa kuquka: umama Jones -Leica Lifetime achievement Award, Martin Luther King Luthuli Award, iFellowship esuka kwi Tom Hopskinson School of Journalism ; newonga lobudokotela kwi dyunivesithi ezine (4) zalapha eMzantsi.

Ukongeza, uye wangumntu wokuqala omnyama ukufumana imbasa ngomsebenzi wokufota- ngonyaka ka 1958 kukhuphiswano lwe ‘Best Press pictures of the year’. Namhlanje ke uPeter Magubane ujongisa amehlo akhe ekhamera kumasiko ngamasiko alapha eMzantsi afrika kunye ne nkcubeko.zeni njengo mfoti ngethuba elingange minyaka emihlanu (5).

Usukela ngeminyaka yo 1980, uPeter wasebenzela iTimes magazine. Ngo 1990 waye watyunjwa ngokusesikweni njengomfoti ka Nelson Mandela ukubonakalisa uhambo lomzant.

Dr Peter Magubane

uDr.Peter Magubane, umfoti wendaba owaziwayo kwizwe lonke, wazalwa ngomhla we 18 January ngonyaka ka 1932 eVrededorp , waze wakhulela eSophi...more