Iimveliso Zee Nkowane

©Marinda Louw

Eyona ndlela ixhaphakileyo yokutya iinkowane kukuzitya zihlaza kwii saladi okanye ziphakwe nge bhotolo, i-oli okanye ighee. Iinkowane zisenokomiswa nokomiswa, zinkonkxwe, zenziwe umgubo okanye zanziwe zibe kram kram, kwenziwe ngazo iisosi neesuphu. 

Ezinye iimveliso ezihlobene neenkowane ziquka umqayito weenkowane, ufele lwenkowane kunye nee kits zenkowane ezizi khulelayo. Umqwayito yinyama eyomisiweyo efakwe iziqholo. Umqwayito we nkowane sisidlo esikhawulezileyo esilungele abantu abangayityiyo inyama. Lo mqwayito wenziwa ngee nkowane ezicukuceziweyo zomiswa. Kuye kusetyenziswe iindidi ezifana ne shiitake okanye ii-oyster. 

Ufele lwee nkowane lukhula kwi mycelium (neyi fungi ebufana neengcambu), kwaye luthatha iiveki ezimbini ukukhula lulingane nofele lwenkomo. 

Iinkowane ezi zikhulelayo zibane mbewu kunye ne substrate yazo ukuze kuphume iinkowane zohlobo lwe shiitake, enoki kunye nee oyster. 

Iinkowane zikwasetyenziswa njengamayeza axhasana ne immune system, ezokwenza ikofu knye ne cordyceps nesetyenziswa njenge mveliso yokukhathalela ulusu.

Indlela Yokutya Iinkowane

©Asha Yoganandan

Ezinye iinkowane zingatyiwa ziluhlaza kwii saladi, kodwa unintsi lungaphekwa nge oli, ibhotolo okanye kwi ghee. Kukholeleka ukuba ukoja noku pheka iinkowane nge microwave yeyona ndlela isempilweni yokupheka iinkowane. 

Xa upheka iinkowane iincutshe zokupheka iinkowane zikhuthaza ukugalelwa kwe tyuwa ne pepper xa sele ugqibile ukuzipheka. Ukugalela ityuwa ngethuba upheka kukhupha amanzi, nto leyo inokuzicothisa ekubeni zijike zibe mdaka ngombala.

Inkangeleko yayo engathi yinyama kunye nencasa ye umami kwii nkowane yenza ibesisidlo esingangenela endaweni yenyama kwizidlo ze vegetarian kunye nee vegan. Iinkowane zizele yi guanylate, enye yee compound ezine galelo kwincasa emnandi ye umami. Incasa ye umami iyanda ngokuye iinkowane zohlobo lwe brown button ziya zikhula zitshintsha nombala zibemdaka (portabella). Iinkowane zohlobo lwe shiitake ezisandula kukhiwa kunye ne shiitake eyomisiweyo zizele zii compound zencasa ye umami.

Ukugcinwa Kwee Nkowane

©Marinda Louw

Bekufanele ukuba iinkowane zigcinwa kwiingxowa zamaphepha ukuze zifunxe kwabu manzi bunokuthi bakheleke xa amaqondo obushushu esehla esenyunga ngethuba zise lugcinweni. Iinkowane zingahlala iintsuku eziphakathi kwesihlanu ukuya kwezi sixhenxe. Hlala uthenga iinkowane ezibuqina-ukuthamba kakhulu, neziqu ezide (kwindidi ye Agaricus spp) kuvamise ukuba ziimpawu zeenkowane ezisondele ekonakaleni.

Umgquba Wee Nkowane

Ngaphandle kokuvelisa iinkowane ezityiwayo, enye imveliso eluncedo kulimo lweenkowane ngumgquba osele usetyenziswe ekuveliseni iinkowane. Umgquba weenkowane wenziwa ngengca eyomileyo-straw, imanyolo yeenkukhu, igypsum kunye namanzi. Emva kokuba iinkowane zivuniwe, umgquba wazo ungasetyenziswa emhlabeni ukuphucula ucoco lwamanzi, ukubambeka kwamanzi emhlabeni, ucoce umhlaba uze wenyuse nezinga lezinongo ezise mhlabeni. 

Umgquba osele usetyenziswe ekuveliseni iinkowane usenokuba netyuwa kunye ne organic material engazinzanga, ngoko ke kufuneka uphinde uvundiswe ukuqinisekisa ukuba udibana kakhuhle nomhlaba. Kwaye nee microbes zomhlaba zifumana nethuba lokuwusebenzisa kakuhle.

Ziintoni iiTruffles

©Woodford Truffles

Iitruffles, yimizimba ephuma iziqhamo ye fungi yangaphantsi komhlaba. Sisidlo esimnandi nesixabisayo esikhula phantsi kweemeko zomhlaba okhwethekileyo, kwaye sivamise ukwayanyaniswa nokubola kwemithi.

Zininzi iindidi ze truffle, nezivamise ukukhula kwimimandla ethile, kwaye zayanyaniswa ne mithi ethile.

Umzekelo, iblack truffl ifumaneka kufuphi nemithi yom oki, cherry neye hazel nut kummandla wase Périgord kwilizwe lase France. Iitruffle ezininzi ezilinywayo zisuka kwilizwe lase Spain, kodwa iitruffles zisenokukhiwa nasendle.

Translated by Zizipho Silwana