Iimveliso Ezenziwe Ngeenyosi Ezisetyenziswi Njengamayeza

© Ruffiana
I-Apitherapy kukusetyenziswa kwemveliso ezenziwe ngobusi-benyosi ukuthintela nokunyanga izifo. Ngokwe American Apitherapy Society, ezi mveliso zenyosi ziquka ubusi, ipollen, propolis royal jelly kunye nencidi yeenyosi (bee venom).

iPollen Esetyenziswa njenge Yeza Lokunceda Impilo Yoluntu

Ukusetyenziswa kwe pollen ngenjongo yokunceda impilo yoluntu, nokusetyenziswa kwayo emayezeni ngumba osesematheni. Umongo wenyosi ofumaneka kwiivenkile ezithengisa okuse mpilweni uthi uqokelelwe ngaba gcini-nyosi, ngesithiyeli se pollen. Oku kususa umongo kwi kwimilenze yenyosi xa inyosi ingena kwisicuku sayo. Lilonke, oku kuye kohlise umongo okhoyo wokondla iinyosi ezisencinci.
Luncinci ke uphando olwenziweyo ngezinongo ezifumaneka kwi pollen esehlaza (raw pollen) ukuze usetyenziswe ekutyeni koluntu, kodwa ke umongo usetyenziswa kakhulu ngenxa yokuba uyaphilisa ukuchasana nokudumba okune ngqaqambo kunye nokuchasana nesifo somdlavuza. Izifundo ezenziwe eTurkey (in vitro) zibonakalise okokuba umongo wenyosi okokuba uchasana neentsholongwane oku kuthi kuncede ubani angakhawulezi ukosuleleka zizifo neentsholongwane.
I-United States Food and Drug Administration (FDA) icacise okokuba ipollen akusiyiyo mveliso ihamba phambili ngokutyeba kwi protein ngokwe zifundo ze science. Eyona nto ibalaseleyo ngayo zi carbohydrates (zingapha ko 60%), hayi iprotein- kwaye umyinge uyohluka ngokwe mveliso ye pollen.
Isondlo sempilo esifumaneka ku mongo uye uhlolwe ngoko mlinganiselo we protein kunye nee amino acids ezibalulekileyo. Ezinye iintlobo ze pollen zingane sondlo kakhulu, logama ezinye isondlo singu mlinganiselo omncinci. I-Apis Information Resource Centre ithi ‘ xa ithelekiswa namayenza ancedisa impilo afana ne zakhamzimba (vitamins) kunye nee pilisi ze minerali, umongo ke unomlinganiselo omncinci we micronutrients kunezinye izincedisi mpilo…(kwaye) akufanelanga ithathe indawo yokutya okuse mpilweni nempilo jikelele.
Ukungcoliseka ko mongo nee metali okanye izingcolisi ingayenye into exhalabisayo kuluntu oluthi luwutye okanye ukutya iimveliso ezenziwe ngomongo.

Isonka Senyosi Esincedisa Impilo Yoluntu

Isonka seenyosi senziwa ngeenyosi kusetyenziswa ipollen, incindi, ‘idigestive enzymes’ kunye nobusi. Umxube uye uvalelwe esiseleni ukuze udidiyeleke ubile.okukudidiyeleka kuphula iiprotein kunye nee starch zekwenze izakhamzimba endaweni zifumaneke. Isiphumo ‘sesonka seenyosi’ siye sityiswe imibundlwana kunye neenyosi ezisencinci njengokutya okune protein eninzi. Isonka seenyosi sinezinongo ezinomahluko (eziphuculiweyo) izinongo xa kuthelekiswa ne pollen ehlaza kwaye iye ibengcono naxa isemzimbeni womntu.

iBeeswax Njengeyeza

©Frank Mikley
Ngeminyaka ka 400 BC Hippocrates, udokotela omdala wama Greek, uye wagxininisa uncedo lwe beeswax ukuncedo iimeko zezifo zesikhumba. iBeeswax isetyenziswa kakhulu kuma yeza alemihla. Iye ikhiwe kwisikhakha ngabasebenzi abasebenza ngeenyosi ezincinci, ibeeswax isetyenziswa ukubekwa ngaphezulu kweepilisi/amayeza kwaye isetyenziswa, umzekelo kwimixube yokuthambisa isikhumba, isepha, ezisetyenziswa endlebeni ukuthintela ingxolo, kwindawo zooGqirha bama zinyo kunye nakwizilonda ukulawulo ukopha xa kusenziwa uhlanzo oludibanisa nethambo.

iRoyal Jelly - Ilungile Okanye Iyaphaphelwa nje?

iRoyal jelly yintlama emhlophe ethi iphume emilonyeni yenyosi ezi zimanzi ze ityiswe amantshontsho kunye nalowo uphethe ezinye iinyosi. Owoma msebenzi we royal jelly isetyeniswa kwimveliso zothambisa kodwa iyasetyenziswa nanjengesinika Mpilo eluntwini. Iroyal jelly ingathengiswa isentsha, ixutywe nezinye iimveliso ezifana neyoghathi okanye ifakwe kwisikhenkcezisi zeyome. Inevumba elinamandla, elimuncu, incasa emuncu kwaye intlama yayo imanzi. Ngokobudala nokuchuma kwesizalo senyosi eyinkosazana, kuyaqikelelwa okokuba iroyal jelly inganemiphumela efanayo nakuluntu. Oluqikelelo alukavunywa ngokusemthethweni, nangona sekwenziwe nophando lwesifundo.
Izifundo ezininzi ezenziweyo ngemiphumela ye royal jelly eluntwini, zenziwe kwelase Mpuma Koloni kunye nase Europe, kodwa izifundo ezininzi kunzima ukuzihlela ngokwesayensi iziphumo. Kodwa ke ama Japan akhe azama ukubeka esenzweni ze iziphumo zabonakalisa unyamezelo olongezelekileyo lwe glucose emzimbeni, impilo engcono yengqondo kunye noko ngezeleka kokwenziwa amajoni omzimba abomvu (red blood cells). Izifundo zifumanise okokuba iroyal jelly inako ukusebenza njenge antibiotic kodwa ke oku kuyehla xa ingagcinwanga kakuhle okanye xa igcinwe kakhulu ixesha elide.

iPropolis Njenge Yeza

©Onésime
iPropolis ‘sisincamathelisi esenziwe zinyosi’ yenziwe ziinyosi emithini njenge ntlaka kwaye isetyenziswa ngaphakathi kwe khakha lenyosi ukuze ilenze libempuluswa ngaphakathi, ivingca amathanda, iphinde icoce kungahlali iintsholongwane. Ikwaziwa ngokuba yi “Russian penicillin, antibacterial, antiviral, anti-fungal, anti-tumor kunye ne anti-inflammatory” isetyenziswa ukuthintela ukusuleleka kwizilonda, inceda ukuphilisa izilonda ezisemlonyeni nakwintsini, iphilise amathambo adibanisa umzimba, inciphisa ukudumba okune ngqaqambo ngaphakathi kwimisipha kwaye inceda ne ulcers, ngokwezifundo ezenziwe ngama Polish kunye nezase German. iPropolis iyasetyenziswa nokunyanga izilonda ezisezimpundwini, kunye nokutshiswa ziikhemikhali, ubushushu, ne radiation.

Ukusetyenziswa Kobuhlungu Benyosi njenge Anti-Inflammatory

Ubuhlungu benyosi abunambala kwaye ikrakra kwaye inomxube we proteins esenza ukudumba okune ngqaqambo kwaye isebenza ukunciphisa igazi. Isetyenziswe iinkulungwane, ixhaphake kakhulu eChina nakumantla e-Europe namhlanje apho isetyenziselwa ukudumba nengqaqambo ezithe gqolo. Ingahlatywa njenge naliti okanye isetyenziswe njengomxube othanjiswayo ukuthomalalisa isifo samathambo, multiple sclerosis (MS), intlungu ezisemazantsi emqolo nye ne ngqiniba ebuhlungu (tennis elbow).
Ubuhlungu benyosi bukhiwa ngombane odlulayo ngocingo oluthile oluthi lufakwe ngaphakathi kwi khakha leenyosi. Oku kwenza umsindo kwiinyosi, zenze zilume ucingo apho ubuhlungu bukhiwa khona. Iinyosi azonzakaliswa xa kusenziwa oku.

Isivungo Ngokwamayeza

Qaphela: Ulwazi lwenzelwe injongo yokufundisa nokunikeza ngolwazi jikelele qwaba, kwaye akufunekanga luthathwe njenge ngcebiso yoogqirha. Ulwazi alunayo injongo yokuthatha indawo yengcebiso zempilo esemthethweni okanye unyango olunikezwayo ngabe zempilo abasemthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie