iHlazo le HIV/AIDS (Ngculaza ) eKuhlaleni

© Eric Miller
uAlicia Mdaka, ongoyena uxhasa usapho lwakhe lonke, ubalisa ngentlungu yakhe yokuphulukana nabantwana nabazukulwana kwintsholongwane ka gawulayo, nokuba indlu yakhe de ibizwe ‘ Indlu yengculaza’.

iNdlu ye Ngculaza

ngo 1964 ndandi nomntwana ongu Olive. Ngo 1966 kweza omnye –uPhyllis, lo ngoku ukunyaka weshumi elinesihlanu ephila ne HIV/Aids. uKenneth wazalwa ngo 1969, no Prudence owasweleka ngu gawulayo, njengo Olive, owazalwa kwiminyaka emibini mva. Umzukulwana wam uZizipho, wazalwa ne ntsholongwane ka gawulayo kuba umama wakhe uPrudence, wayene ntsholongwane ka gawulayo.

Emveni kwam abamelwane babe biza indlu yam ‘indlu yengculaza’. Umzukulwana wam uJuliette wabeva bethetha wandixelela. Aba bamelwane bathi kubazukulwana bam, ‘Asifuni nidlale nabantwana bethu. Ininzi ingculaza kwikhaya lenu, nizako sulela abantwana bethu.’ Yayi lixesha apho abantu babenolwazi oluncinci nge ngculaza, wonke umntu eyoyika. Ngoku, izinto zatshintsha. Sonke sazi abantu abaswelekayo, ingakumbi kumasapho ethu.

Kule mihla, ukuba ilungu losapho lwam liyagula nditsho nkqu yingculaza, omama base caweni baye bazokundibona , bendiphathele isuphu nokutya , sithetha ngalonto. Akusekho ukuba wedwa njengakuqala, ngoku sine nkxaso. Iminyaka elishumi eline sihlanu, intombi yam uPhyllis wayesilwa nengculaza. Ixesha elide waye ne TB (isifo sephepha) esi sinyamezelayo kakhulu xa sinyangwa, kwaye esesibhedlele iinyanga ezininzi.

Ngoku oogqirha bathi uphilile kwi TB, kodwa unomhlaza wesisu nesibindi. Kwinyanga ezimbalwa ezidlulileyo wandixelela okokuba‘ ixesha lake lincinci elishiyekileyo emhlabeni’. Yandibuyisela ezimbandezelweni kwakhona.