Ukukhathalela Amalungu Osapho Aphila ne HIV/AIDS

uMzukulwana no nyana ka Nothando Kubukeli bafunyaniswa nebe Ngculaza (HIV/Aids). Umzukulwana wakhe uSandiswa, akaboni kwaye uhlutshwa zezinye izigulo. uNothando ubalisa okokuba amandla wawathatha phi, kwaye iGAPA (Grand Mothers Against Poverty and Aids) yamxhasa njani.

iDabi lika Sandiswa ne HIV/Aids

©Eric Miller

uMzukulwana wam omdala, uSandiswa , une minyaka elishumi elinesibhozo kwaye akaboni. Wathi xa eneminyaka elishumi elinesine, waqala ukuba nezilonda ezinkulu entloko. Yayi luphawu lokuqala lokuba unentsholongwane ka gawulayo. Ndiyakwazi ukuyithetha lento kuba ndazamkela ezindaba.

Kubalulekile ukusamkela isimo sakho phambi kokuba ujongane naso kakuhle. Xa kukho okubonakala njenge hlazo ekuhlaleni, ndingamelana nako. Ndomelele kanjalo. Saya kwisi bhedlele iGroote Schuur, isibhedlele esikhulu sika rhulumente ekapa. Ngelaxesha wayefunyaniswa ene sisifo, oogqirha basixelela okokuba sesihambele phambili. Wayekwi pilisi zokugxinzelela esi sifo isele ilixeshana, kodwa waye ngathathi amayeza akhe ngexesha.

Oogqirha bathi yiyo lonto waba yimfama. Ngolwesine sayokubona ugqirha kwakhona. Ngolwesine sayokubona ugqirha kwakhona, wathi une TB (isifo sephepha) kodwa angaphila ubhityile kakhulu kwaye uyagula, unomvandedwa akasathethi nokuthetha, nkqu kubazala bakhe. Ufihla intloko yakhe.

uXanduva luka Gogo

©Eric Miller

uSandiswa ufunda kwisikolo sabo bangaboniyo eWorcester , kwaye oko kumlungele. Ngempela veki uyabuya aze kum. Ndiyamkhathalela, ndimhlambele impahla, ndimncede ngoko akudingayo. Ngumsebenzi omkhulu. Ngamanye amaxesha imbandezelo zam, ziye zibe ngapha kwamandla wam.

Ndinoxanduva oluninzi, ukujonga abazukulwana bam, kwaye ndinesifo seswekile, ne high blood pressure kunye nesifo samathambo. Amaxesha amaninzi ndiziva buhlungu ngokwenzeke ku sapho lwam, inye nje into endinokuyenza kukulila. Le intlungu ayihambi. Xa uyicinga ibuya ngamandla.

uNyana wam uAndile une HIV, kodwa usichazile isimo sakhe kwaye ulitsha ntliziyo. Uphilile. Uhamba iiklinikhi ecebisa abo ba vavanywayo. Womelele.

Amandla ka Makhulu

©Eric Miller

Mihla le, ndomelele. Omama eGrandmothers Against Poverty and Aids bayandinceda. Sinikezana inkxaso kwaye ndiyakuthanda ukuya kwi GAPA. Ndifunda phaya okokuba sonke sine nzima ezifanayo. Sinikezana ingcebiso sincedane.

Kodwa kukho amaxesha apho ndingakwazi ukuya khona kuba andinamntu wokushiyeka nabazukulwana bam kwaye bayandidinga ingakumbi uSandiswa. Zimbini qha izinto ezibalulekileyo ebomini bam: ukuqinisekisa okokuba ndiyakwazi ukujonga abazukulwana bam nomsebenzi wam njenge sangoma. Ayisekho enye into ebalulekileyo engenye kum.