I-Carob Njengo Kutya Kwezilwanyana

© Zeynel Cebeci
Unripe carob pods are green. The brown pods are harvested onto a net or canvas on the ground.
Umthi ohlala uluhlaza we carob uvelisa amagaqa amakhulu aluhlaza ngombala, najika abentshundu xa evuthiwe. Lamagaqa aqulathe ukutya okuswiti okuthambileyo kunye neentanga ezilinganayo ezintsundu ngombala. Xa zicoliwe ezintanga zikhupha intlaka encangathi esetyenziselwa ukujiyisa ukutya.
Lamagaqa aswiti, azele yi faybha atyiwa ngamahashe, iinkomo, iihagu, iibhokwe kunye nemivundla. Akufanelanga ukuba atyiwe ziinkukhu. Amagaqa apheleleyo (kunye neentanga eziqinileyo) kufanele zicolwe kwi hammermill. Iintanga ze carob ziqine ngeyona ndlela kwaye ukuba ngaphambi kokuba zinikwe izilwanyana, zisenokuphinda ziphume zinjalo kwilindle. Iintanga ze carob ziqulathe malunga ne 18% kunye nama 42 - 46% gum.
iCarob inesibalo esiphezulu se tannin kwaye akufanelanga ibengaphaya kwe 10% lokutya kwesilwanyana. Ezi tannins ziphazamisana nokucoleka kwe proteni esiswini. Iflawa eyenziwe ngeentanga ze carob zizele ziproteni kwaye isetyenziswa ekondleni iinkomo nasekwenzeni amaqebengwane ezinja. Iflawa eyenziwe nge carob inyibilika msinyane emanzini kwaye ingasetyenziswa njengesidlo sokulumla amantshontsho eehagu, amathole kunye namanye namanye amantshontsho ezilwanyana.
Amanye amafama ondla amahashe awo nge carob njenge nxalenye yokutya okupholileyo (okuzele yi faybha) okanye endaweni yezimuncu-muncu ezineswekile ezifana ne
liquorice. Lamagaqa agutywa kwi hammermill, kodwa amanye amahashe atya lamagaqa ngqo emhlabeni. Kuphando olwalenziwe kwi eYiphutha lokondla imivundla nge carob, kwafunyaniswa ukuba kuquka i5% yamagaqa carob anegalelo ekukhuleni kwemivundla.

I-Carob yeeGusha kunye neeBhokwe

iCarob yaphandwa njengokutya kwemfuyo yeegusha kuphando olwenziwa yi Kahramanmaras Sutcu Imam University eBursa, Turkey. Kwafunyaniswa ukuba amagaqa apheleleyo ecarob angumthombo omhle wamandla kwiigusha, kodwa ukongezelelelwa kwe proteni kungadingeka xa amagaqa ecarob exutywe nezinye izidlo. Kuphando lwesondlo lase Italy, kwafunyaniswa ukuba amagaqa e carob ane proteni kunye namandla oneleyo ukufikelela kwizidingo zokwehlisa kwiibhokwe ezincancisayo kunye neegusha ezikwimimmandla engomanga kangako.
Kwiibhokwe zobisi, isidlo esilungileyo siquka umlinganiselo owoneleyo we faybha ekumagaqa eecarob (26%) kunye ne beet pulp (27%). Esi sabelo singangenelela endaweni yamadlelo okutya imfuyo angonelanga/ angekho semgangathweni.

I-Carob Njengo Kutya kweeHagus

iCarob ikulungele ukutyiswa iihagu. Uphando olwenziwa kwifama yentengiso kwilizwe lase Greece lujonge indlela ekuwuchaphazela ngayo umgangatho wenyama yee hagu xa zisondliwa nge carob. Isibalo esingama 160 eehagu ezilunyulwa ekuncanceni zondliwa ngesidlo esiqulathe isibalo esiphakathi kwe 0 okanye ama 75g okanye i100g okanye ama 125 g samagaqa ecarob kwi kg nganye yokutya. Iziphumo zabonisa ukuba ubunzima bomzimba wabaphezulu xakongezwe amagaqa ecarob anobunzima obungama 75 okanye 100 g/kg. Ukusetyenziswa kwamagaqa ecarob ekutyeni kweehagu kumgangatho okuma125 g/kg akukhange kwenzwe mahluko kubunzima bomzimba wesilwanyana. Ngoko ke, kucetyiswa ukuba amagaqa ecarob asetyenziselwe ukutyebisa iihagu.
Ingcali yehagu kunye nogqirha wezilwanyana uPig Gqrh. Jim Robinson, ucebisa ukusetyenziswa kwecarob ecolisisiweyo ingabikho ngaphezulu kwe 5% yokutya. Ukwacabisa nokuba kuqalwe kunikwe iihagu esele zikhulile ukuze kuhlolwe iziphumo kuqala. ‘Imigangatho ephezulu ye tannin kunye neswekile avamise ukuyeka ukucacela ukutya kwiihagu eziselula, nangona amandla ezakonela. Ngcono usebenzise umlinganiselo we 5% ukonga iindleko, ngaphandle kokuba icarob ithengiswa kunye nenkcazelo ethembekileyo. Xa kunjalo ke ungazama ukunyusa uyenze 10% oyixuba ekutyeni okunika iihagu zakho.’

Nceda Uqaphele: Injongo yezi nkcukacha kukufundisa nokunika ulwazi kuphela. Kwaye ayifanelanga kusetyenziswa njenge ngcebiso yesondlo. Le nkcukacha ayenzelwanga ukungenelela endaweni yengcebiso okanye imigaqo yokutya kwemfuyo yakho oyinikwe ziingcali zesondlo sezilwanyana.

Translated by Zizipho Silwana