iBasil

© Louise Brodie

Igama le Sayensi: Ocimum basilicum
Igama Eliqhelekileyo: Basil okanye

iBasil eSwiti Kukholeleka ukuba imvelaphi ye Basil ikwilizwe lase India. Namhlanje sele ityalwe kwihlabathi lonke jikelele. Ityalelwa amagqabi ayo amatsha kunye nomisiweyo, ikwatyalelwa ne oli yayo.

Inkcazelo ngeSityalo

Ihlahla le likhula libemalunga nama 700mm ubude, kwaye inesiqu esiluhlobo lwe herbaceous esiye siqine oku kweplanga ngokuye isityalo sikhula. Amagqabi aluhlaza amile ovali, asisangqa emazantsi aze abetsolwana. Amagqabi afikelela kuma 80mm ubude aze abengama 30 mm ukuya kuma 50 mm ububanzi. Ezinye iindidi zinamagqabi afuna ukuba bomvu. Ukuba isityalo siyekwe sakhula ngokugqibeleleyo, kuphuma iintyatyambo ezimhlophe neziye zibeyimbewu.

Imisebenzi

Ibasil ityalelwa amagqabi ayo anevumba elimnandi, nasetyenziswa esematsha okanye omisiwe kwakunye nakwimvelis oyee oli zokuthambisa neziqholo zokuqhumisa. Amagqabi amatsha nawomisiweyo asetyenziselwa ukufaka incasa ekutyeni okuphekiweyo, asenokutyiwa ehlaza kwiisaladi.
Ibasil yaziwa nangemisebenzi yayo yokunyanga: Ukunceda isizaphu zaphu, ukuqunjelwa nokudumba. Isetyenziswa ukuphelisa umbilini njengoko inezithako ezithomalalisayo. Ibasil iyasetyenziselwa nokunyanga iintloko eziqaqambayo kwaye kuthiwa inceda nabantu abanesifo sokuxhuzula.

Iimfuno kunye Namalungiselelo Omhlaba

Ibasil ikhula kakuhle kwimihlaba eyisanti ekwaziyo ukufunxa amanzi, nechumileyo kakhulu. Ingakhula kwimihlab ene pH ephakathi kwe 4.5 ukuya kwisi 8 kodwa ichuma kakuhle kwimihlaba ene pH eyi 6.5.
Xa ulungisa umhlaba wokutyala, kubalulekile ukugalela umgquba okanye imanyolo eyaneleyo emhlabeni. Kufuneka ezi zichumiso zihlakulelwe emhlabeni kwisithuba senyanga phambi kokutyala, ukuze kusuke kwakhula ebesele luqala ukukhula. Umhlaba kufuneka uhlakulwe nge
disc harrow kwiveki eyandulela ixesha lokutyala, ukuze kususwe ukhula kwakhona kucocwe nomhlaba.

Imozulu

Ibasil ikhula kakuhle kwimozulu enamaqondo aphakathana, aphakathi kwe 12°C kunye nama 28°C. Idinga amaqondo obushushu angaphaya kwama 20°C ukuze intshule. Isityalo se basil sinochuku kwiqabaka. Ubushushu obugqithisileyo okanye ingqele yonakalisa isityalo kunye namagqabi aso esi ethe ethe kakhulu.

Iindidi zeSityalo

Kwimveliso yentengiso, ezinye zeendidi ezixhaphakileyo zezi:i-Anise, Camphor, Cinnamon, Dani, Dark Opal, Genovese, Large leaf, Lemon, Mammoth, Purple ruffles kunye ne Sweet.
Kungcono ufune iingcebiso kwindawo ekufutshane nawe mayelana nendlela zokukhulisa, nange nkampani ethengisa imbewu mayelana neyona ndidi ilungileyo unokuyithengisela imakethi yakho.
Ungatyali ngaphambi kokuba wazi ukuba uzakuthengisela intlobo enjani ye makethi.

Translated by Zizipho Silwana