I-Cape Rose Geranium Ukunceda iPMS

©Alice Notten of Kirstenbosch
I-Cape rose geranium essential oil - Pelargonium capitatum x radens (rose) – yeyona ikhethwayo kwindidi ezingama 700 ze geranium elinywayo. Kwaye ingumxube we perlagoniums ezimbini okanye ezintathu ezivelisa i-oli. Kukhona ukubhideka okuthile ngeligama; elona gama lesi sityalo yi perlagonium kodwa eli le ‘geranium’ igama lide lasinamathela esi sityalo ngokuhamba kweminyaka.
Esi sityalo sesase Mzantsi Afrika. Uhlanga lwabe Sotho lwalusebenzisa amagqabi aso ukwenza intlama yokunyanga izilonda kunye namathumba. Kulemihla esi sityalo sele sisetyenziselwa ukunyanga iingxaki ze PMS (ukungaziva mnandi phambi kokuya exesheni) kunye neengxaki zokuyeka ukuya exesheni. Sikwasetyenziselwa ukunyanga umva ndedwa kuba ilungelelanisa ihomoni.
Njengesithako sekhosmethiksi, ikulungele ukunciphisa imingxunyana yesikhumba ekhula ngokugqithisileyo kwaye inceda ipholise izilonda zokutsha kunye nee capillaries ezophukileyo. Ikwasetyenziswa nakushishino lokutya njengencasa ingakumbi kwimveliso ezinombala opinki. I-Cape rose geranium essential oil ilwa neentsholongwane, ilwa nokutshotshozela kwaye ibulala nezinambuzane kuba iqulathe igeraniol kunye ne citronellol.
Nangona iingcambu zayo zise Mzantsi Afrika, ilinywa kwihlabathi jikelele; ingakumbi e-India, china kunye nase Egypt. Amagqabi akhiwa kabini ukuya kwisine ngonyaka; aze atshiswe ngomophu ukuze avelise i-oli ebu tyheli-luhlazarha ngombala. Ezona ndawo zivelisa irose geranium eMzantsi Afrika ngamaphondo ase Mpumalanga, KwaZulu-Natala, Ntshona Koloni kunye nase Limpopo. Esi sityalo sinochuku engqeleni.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zizipho Silwana