Verreaux's Eagle Owl
Isikhova-Mpondo

© Shem Compion
Giant Eagle Owl.

Inkangeleko

Isikhova-Mpondo sesona sikhova sikhulu ehlabathini.
Njenga Sikhova sikhulu kunazo zonke, zikhawleza siqapheleke ngobukhulu baso, neempiko ezinkulu. Zingwevu okhanyayo ngombala,nama gqaba-ggqabaza amnyama ngentla nangezantsik. Ubuso bumhlophe,baze bajikeleza ngumgca omnyama. Amehlo akhangeleka emnyama xa ukude kwaye anenkophe ezi pinki,nto leyo ibangela ukuba acace ngakumbi.

Esi sikhova siyafana neSikhova Esinendlebe ezinde. Isikhova-Mpondo sinombala wesanti ongacacanga phantsi kwentsiba nemigca engwevu okanye emdaka. Intloko engwevu nomlomo owomeleleyo kunyenamehlo athyeli na orenji. Kwakunye nendlebe ezakhiwe okwempondo entla kwa mehlo. Sinamanqina amakhulu anamandla, neenzipho ezomeleleyo.

Isidlo

Ubukhulu becala sitya iintaka ezifana neemphangele kwaye zikholwa nazi zilwanyana ezincinci ezifana nemivundla. Zibonakala ekuzeni kusa okanye emva kokutshona kwelanga. Ngaphandle kobukhulu zibonakala ngenkophe zamehlo ezipinki. Zininzi intlobo zokutya ezikutyayo, kukho ushicilelo lwazo zibulala izilwanyana ezinobukhulu bee nkawu nee ntaka ezinkulu, kodwa ziyayitya nentloni xa ifumaneka.

Ukuzala

Zizala ukuqala kwinyanga yoKwindla ukuya kweyoMsintsi. Izalela amaqanda amabini kwaye imazi nenkunzi ziwafukama zombini ukufikelela kwintsuku ezingama 39.

Ukuziphatha

Zidla ngokubonwa zizodwa okanye zimbini, kwaye zixhaphake KwaZulu-Natal ukwenyukela. Zihlala emithini eme ekhula ecaleni kwamanzi. Isikhalo saso esingqokolayo esithi hhuu hhuu hhuu. Azivane zizingele emini kwaye zilala emithini emikhulu, kwaye zikholwa yimithunzi.

Intlalo

Intlalo
Ehlathini,endaweni ezinamathafa nengca kunye nasemithini eme kufuphi namanzi.

Apho zifumaneka khona

Zifumaneka e Botswana,Zimbabwe,Namibia,Mozambique kunye nasemantla o Mzantsi Afrika.