Cape Riesling

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

iCape Riesling ngumdiliya omdala we wayini emhlophe omvelaphi ise France, kodwa inkoliso yawo ityalwe eAustralia nase Mzantsi Afrika. Ityalwe eMzantsi Afrika njenge Crouchen Blanc ngenxa yokubhidaniseka kwayo nendidi yomdiliya wase Jamani iRhine Riesling.

Imvelaphi

Kwelase France

Amanye Amagama

Angama 25 amanye amagama e Riesling, kodwa yaziwa kakhulu nge Crouchen Blanc, iCruchen, iKaapse Riesling kunye ne Paarl Riesling. Ingabhidaniswa nomdiliya wase Jamani iWeisser Riesling (ekwaziwa njenge Rhine Riesling) Eligama iCrouchen Blanc lilo elisetyenziswa kakhulu eMzantsi Afrika.

Imveliso eMzantsi Afrika

Ukutyalwa kwalo mdiliya eMzantsi Afrika kwaququzelelwa ukuqala ngomnyaka ka 1926 ngenxa yokukwazi kwawo ukuthwala isivuno esikhulu. Ugcuntswana olungama 270 ha eMzantsi Afrika lusatyalwe iCrouchen Blanc, kodwa I 35 ha yasitshulwa ngo 2016.

Uninzi lwezityalo zise Breedekloof (110ha) nakwi ngingqi zase Paarl(79ha) ngabavelisi abaphambili abafana ne Theuniskraal (Tulbagh) kunye ne Van Loveren (Robertson). Ezona fama zindala nezisaqhubayo zatyalwa ngomyaka ka 1962 kwi fama iUitsig.

Ukukhula

iCrouchen Blanc ayithwali sivuno sikhulu ( oku kukuthi imithi ayivelisi bhantshi zininzi zemidiliya) (10-15t/ha) kodwa iyachuma ingakumbi xa yenzelwe ubuchule be trellising . Ikhula kakuhle kwimihlaba ephakathi ukutyeba nakwi ngingqi ezipholileyo. Iswekile ekwisivuno iyashiyana ukusuka kwi 20 - 22° Balling.

Ukuvuthwa

Ivuthwa esiphakathini sexesha lokuvunwa, iCrouchen Blanc ivunwa pha ekuqaleni kwenyanga ka Matshi, malunga nentsuku ezilishumi emva kwe Chenin Blanc.

Amagqabi

Amagqabi aphakathi ngokomlinganiselo, anekona ezintlanu noboya obude.

Amagaqa Omdiliya

iCrouchen Blanc inamagaqa omdiliya amancinci arawndi atsha lula lilanga. Ibhantshi zincinci kwaye zixinene.

Izonakalisi Nezifo

Crouchen Blanc inochuku kakkhulu kwisifo se botrytis, ioidium, kunye ne downy mildew nokubola kwaye imithana eselula ingonakaliswa yimimoyo emmandla.

Imisebenzi

iCrouchen Blanc isetyenziswa ngakumbi kwimveliso ye wayini emhlophe. Ezi wayini zinako ukugcinwa zivunde ixesha elide ukuba zenziwe ngononophelo. Ukuvundiswa kuxhomekeke ekutheni Iwayini ingahlala ixesha elingakanini ebhotileni.

Incasa

Indlela eyiyo lewayini yoyanyaniswa kakhulu ne terroir kwane nemeko ekhulela phantsi kwazo, umzekelo, iindawo ezipholileyo zingakhokelela kwi wayini zibenencasa emnandi enamavumba engca logama iindawo ezipholileyo zone zinokuvelisa iwayini ezishoqololo. Phantsi kwemeko eziyiluneleyo, iCrouchen Blanc ingenza iwayini emhlophe esemganathweni ophezulu, enencasa eswiti, epholileyo kwaye enevuma elicacileyo lengca.

Amanqaku Ongezelweyo

iTrellising – Oku kuthetha ukuba umthi ukhula amahlahla amaninzi, ngoko ke ukubophelela lamahlahla kubuchule obenziwe ngamacingo nepali (njenge heji) onke amahlahla azakufumana ilanga ngaxeshanye kwaye imidiliya ivuthwe ngaxeshanye.Translated by Zizipho Silwana