Cape Eelgrass
Ingca yaseKoloni

Igama

Ingca yaseKoloni okanye iCape Eelgrass

Igama lesi Latin

Zostera capensis

Apho ikhula khona

Kwindawo ezikufuphi nemilambo, iintlanzi ezincinci zihlala phakathi kwayo kwaye ithwala isidlo sezilwanyana.

Inkangeleko

Iingcambu ezikrobileyo. Amagqabi abityileyo, ambaca, ize ibe ronte encakamini. Lengca ikhula ifikelele kwi 10-30 cm ubude ze ibeyi 1 cm ukuvuleka.

Ezinye iindidi zayo

IHalodule uninervis (kufuphi nemilambo yase St Lucia ukonyuka) iyafana nayo, kodwa amagqabi kwayo incakam yayo ihlulwe kathathu. Ezinye iindidi ezintathu zalengca ezibizwa nge Cymodocea (ixhaphake kwindawo ezinamanzi azolileyo), zinamagqabi angathi ngamabhanti. Kwaye alinganiselwa kwi 10-15 mm ububanzi.

Amanqaku asendle

Lengca ibalulekile kwindawo ezinamanzi ahambayo, apho ibakukutya nendawo yokufihla intloko kwindidi ezininzi ze ntlanzi nezinye izilwanyana eziphila emanzini.