Barbera

© Altydgedacht Vineyards

Inkcazelo

IBarbera ngumdiliwa obomvu we wayini, osetyenziswa kakhulu ukwenza iwayini zase tafileni.KuMntla Italy ikwasetyenziselwa nokuvelisa I wayini ezihlwahlwazayo (sparkikling wine). Ososayensi abekwawuchani ncam umnombo wayo.

Imvelaphi

Ingingi yomntla-ntshona we Italy, apho lendidi ikhuliswe inkulungwane zeminyaka, kulapho ibonwa nenge khaya lalendidi. Ngokwentlolo ze DNA kufumaniseke ukuba le ndidi yomdiliya ifana kancinci kunezinye zonke ezinye indidi ezikhuliswa kule ngingqi ye Piedmont. Kukholeleka ukuba iBarbera le yaziswa kulengingqi ngexesha elithile.

Le ndidi ibonwa nenge wayini engaselwa nangoluphi usuku. Xa isentsha ingonwatyelwa ne pasta,pitsa,isonka samasi okanye isalami.

Amandla ayo akhule kuleminyaka ilishumi igqithileyo, sibulela umfama we wayini, uGiacoma Bologna wase Braida estate, nowathi wavelisa iBarbera yokuqala ezokuthengiswa ngo 1984 ngaxeshanye waveza ubungqina bokuba lendidi yomdiliya inakho ukwenza iwayini yodidi oluphezulu.

Ukwenza le wayini, uBologna wageca imithi yediliya wayenza yambalwa, wavuna imidiliya kade kunexesha lesiqhelo. Iziphumo zoku ke yaba yimidiliya enewqondo eliphezulu leswekile kunye ne qondo le asidi elisezantsi, kwaye wavundisa iwayini kangenge nyanga ezili 16 kwi fatyi zama French, ezi zifatyi ezincinci zama French.

Abaphambukeli bama taliana banwenwisele lendidi e Khalifoniya e Melika nase Ajentina. Yenye yezona ndidi zemidiliya yokuvelisa I wayini ebomvu, etyalwe kakhulu e Italy.

Amanye amagama

Akhona amanye amagama ambalwa ebizwa ngawo lomdiliya kwilizwe lase Italy, kodwa igama eyaziwa nebizwa ngalo kwihlabathi liphela yi Barbera.

Imveliso e Mzantsi Afrika

UProf Abraham Izak Perold wazisa iBarbera kwiminyaka ka 1910 kunye no Ralph Parker, umnikazi we Altydgedacht estate eDurbanville, wayekwangomnye wabalimi bokuqala ukutyala oludidi lomdiliy a ngo 1920.

IAltydgedacht yaqala yasebenzisa lomdiliya ukuvelisa I wayini ezi dlamkisiweyo. Kwalile ngo 1992 yabayi fama yokuqala ukuvelisa I wayini engangxengwanga isebenzisa lentlobo yomdiliya.

Iinginqi eveliswa kuzo

Oludidi alutyalwanga kakhulu eMzantsi Afrika. Ekuqaleni lomdiliy wawutyalwe kakhulu kwingingqi yase Durbanville. Nangona umdla wayo uphinde wavuseleleka eluntwini, azifikanga nakwi 10 inani le fama ezisatyala zikhulise oludidi lomdiliya.

Ukukhula

Isisityalo esichumayo, ingavelisa I 12t/ha ukuya kwi 15t/ha. Ukuvelisa iwayini ezisemgangathweni, isidiliya okanye amasebe la wemidiliya kufuneka ilukuhlwe ukuze ivelise amagaqana amancinci acukeneyo wemidiliya.

Ukuvuthwa

Le midiliya ivuthwa kwangethuba, ukuqlala kwiveki yesibini ka Februwari.

Amagaqa omdiliya

Amagaqa alomdiliya aphakathani ngokomlinganiselo a ovali kunye namaxolo amnyama- mfusa xasele zifuthwe ngokugqibeleleyo.

Amagqabi

Amagqabi wayo a luhlaza ocacileyo asisikwere, aphakathi ngomlinganiselo kwaye anekona ezintlanu.

Izonakalisi nezifo

IBarbera inochuku kumbethe nakumoya obhudla kakhulu. Ifanelwe kukuvunwa ngobuxhakaxhaka bemitshini.

Imisebenzi

EMzantsi Afrika iBarbera ingathengiswa ngenge wayini eyenzwe ngalomdiliya kuphela okanye ixutywe neminye imidiliya ukuvelisa uhlobo olunye lwe wayini.

Incasa

Iwayini eyenziwe ngemidiliya esemincinici yayanyaniswa neziqhamo ezomisiweyo, logama eyenziwe ngeidiliya esele ivuthwe kakhulu inencasa ebalaseleyo yamaqunube amnyama kunye namaqunube amuncu abomvu.Translated by Zizipho Silwana