Amatsili Abagcini-Nyosi Abasakhasayo

©Ivan Leroy Brown, Beegin
The Beegin concrete hive system started as a university project in 2016 to help new beekeepers keep bees in a more sustainable way.
Amafama asakhasayo adinga itsilixa eqala ishishini lokugcina iinyosi. Itsilikulapho iinyosi zizakuhlala khona, zikhulise amantshontsho eenyosi, zigcine ikumkanikazi yazo ebeka amaqanda ikhuselekile. Eli tsili lenzelwa ukuvelisa ubusi kunye nezinye izinto ezikukutya. Iikoloni zenyosi zizakudinga ukuthuthwa, kumatsili azo, zisuswe kwifama ethile zisiwe kwenye, ukulungiselela Ipollen
Usenokuqala nge tsili esele lisetyenzisiwe, uzenzele elakho okanye uthenge imathiriyeli yokwenza uze uzidibanisele, ngumsebenzi omkhulu. Okungcono kukuba uthenge itsili elitsha. Unintsi lwabagcini nyosi belizwe loMzantsi Afrika lusebenzisa amatsili ezibizwa nge Langstroth, nezenziwe ngomthi we pine.
Kutshanje amatsili amaninzi enziwa ngamaplanga ohlobo lwe marine plywood, neyeyona yomelele ngaphezu kwe plywood eqhelekileyo. Amatsili enziwe nge konkrethi kunye ne plastiki nawo omelele, kwaye ahlala ixesha elide. La matsili eplastiki zenziwe kakuhle ngeyona ndlela, ntonje axabisa kakhulu.

Amatsili Asetyenzisiweyo

Ukuthenga amatsili asele esetyenzisiwe kungabangela izifo kwiinyosi zakho. Kubalulekile ukuba uwacoce ngesibulali ntsholongwane amatsili ebisele esetyenzisiwe. Ungawacoca usebenzisa ikhemikhali ezifana nehypochloride kunye ne acetic acid okanye ungayigqatsisa ngobushushu. Kwilizwe loMzantsi Afrika, zonke iindawo ezihlala iinyosi zigqatsiswa ngobushushu okanye zinxuzwe kwi Waksol etshisa kakhulu okanye kwi paraffin wax, ukukhusela iplanga. Kufuneka ulumke xa usebenzisa iWaksol. Usenokucela ingcebiso nakumbutho wogcino-nyosi okufutshane nawe.

Amatsili Alungele Amafama Asakhasayo

Itsili liqulatha igumbi lokuzalela amaqanda kwaye kubakho nee frame zamaplanga ezili 10. Iframe nganye inomcu we wax, ukuncedisa iinyosi ekwakheni umandlalo wazo we wax. Ngaphezulu kweli gumbi lamantshontsho, ufakela igumbi elibizwa nge super chamber, libe nesiciko ngaphezulu, nalo ke eligumbi likwaqulathe iiframe ezili 10 ezinemicu ye wax. Ungaba nee super chamber ezintathu ukuya kwezintlanu kwi tsili ngalinye. Ubusi buphakulwa kwezi super frame
Ukuze uthintele inyosi eyikumkanikazi, ingabeki amaqanda kwi ‘super chamber’, ungabeka into yokwahlula ikumkanikazi, plastiki okanye inkcenkce, phakathi kwamagumbi okuzalela amantshontsho kunye ne super chambers. Iinyosi ezingabasebenzi- ezincinane kune kumkanikazi-zingahamba hamba lula phakathi kwemingxunya ye gridi.

Maxa wambi kubekwa izinto eziqokelela ipollen zibekwa endaweni yokungena/emnyango we hives. Ezi trap ziqokelela ipollen kwiinyosi xazibuyela kwindawo ezihlala kuyo. Le pollen kufuneka iqokelelwe yonke imihla ize yenziwe umkhenkce. Ekuhambeni kwexesha inganikwa ikumkanikazi njengokutya okongezelelweyo okune proteni eninzi, ingakumbi kumaxesha okunqongophala kokutya. Ayingabo bonke abagcini zinyosi abavumelana nokuqokelelwa kwe pollen. Bambi bakholelwa ekubeni oku kucothisa ukuqokelelwa kwencindi kunye nokuhamba kwe nyosi kwindawo ezihlala kuyo.
Kucetyiswa ukuba ubeke itsili lakho kwi sitendi okanye phezu kwamatye-Logama lingahlelanga emhlabeni. Oku kuzakwenzela umsebenzi olula xa usebenza ngeenyosi zakho, kodwa kuzakunceda ekuthinteleni uhlaselo lwezinambuzane kunye neempuku.
Inkampani ethengisa izixhobo zeenyosi iBee Ware icebisa ukuba kuqatywe i-oli endala yemoto kwisitendi okanye kwizitena obeke kuzo itsili lakho. Ukuqala i-oli kuthintela iimbovane ekuhlaseleni ubusi. Musa ukubeka itsili phezu kwendlu. Gcina amatsili kumthunzi ongama 60% ukuphola ngexesha lasehlotyeni.

Ungawathenga Phi Amatsili?

Enza uphando ngendawo ezithengisa amatsili asemgangathweni ohamba phambili izixhobo ezisetyenziswa ekugcineni iinyosi. Usenokungena embuthweni okufutshane nawe; nalapoh unokufumana iingcebiso mayelana nokuthwengwa kwamatsili. Ngaphezulu, ungakwazi ukuthenga amatsili kubagcini-nyosi abanamava. Iingcebiso onokuzifumana kulombutho zingabaluncedo kakhulu kuba gcini-nyosi abasakhasayo. Ungathenga amatsili kunye nezinye izixhobo zokugcina-iinyosi kwenye yeenkampani ezininzi ezithengisa oku kunye nezinye izixhobo zezolimo ezifumaneka eMzantsi Afrika.

Translated by Zizipho Silwana