African Green Pigeon
Ingqabe

© Nigel J Dennis
African Green Pigeon.

Igama

Ingqabe

Inkangeleko

Umntla wayo ungwevu ukuya kuluhlaza wengca obuthyelirha, amathanga ayo athyeli kunye namabala apepuli phezu kwiphiko. Lombala uluhlaza okwengca uyinceda ngokuyifihla xa iphezu kwemithi. Umlomo ubomvu esikhondweni uze ube mhlophe encakamini. Namanqina akwa bomvu.

Isidlo

Ingakumbi zitya iziqhamo.

Ukuzala

UCanzibe ukuya kweyoMdumba lelona xesha zizalela kakhulu ngalo.Zakhela amafokofoko engqweji enziwe ngentsasa namagqabi kwihlahla lomthi onamagqabi nelimqengqeezi. Ibeka iqanda libelinye okanye amabini.
Amantshontsho aqandusela emva kwentsuku ezibalelwa kwi 13. Inkunzi inoxanduva lokukhangela amahlahla amancinci ize iphathele imazi emthini ize imazi ibeyiyo eyakhayo. Imazi ikhetha indawo yokwakha ingqweji ize ihlale ilindele inkunzi ukuba izise izinto ezidingekayo ukwakha ingqweji. Zingabazali abanenkathalo. Zihlala zifukamile ngalo lonke ixesha, asoze ziyishiye yodwa ingqweji.

Ukuziphatha

Zivamise ukuhlala nezinye, ngamaqelana amancinci. Zikhangela ukutya emithini, zibhabhazelisa amaphiko ukuze zime kakuhle zingawi, kumaxa amaninzi zijinge zijongise iintloko ezantsi. Lombala wazo uzinceda ekuzimeleni zingabonakali. Zibhabha ngamendu kwaye ziyabhabha nqgo azijikajiki.

Intlalo

Kwindawo ezinemithi, ingakumbi kwezinemilambo nasemahlathini anengwenya.

Apho Zifumaneka Khona

Iingqabe zifumaneka e Zimbabwe, kumantla nakwi mpuma ye Botswana, umntla Namibia,Mozambique Nakwi phondo lomntla Koloni,Mpumalanga nasempuma yonxweme kwase Mzantsi Afrika.

Igama lesi Latin

Treron calva.