Yintoni iSpider Plant?

© Forest and Kim Starr
The spider plant is an upright growing 'weed' of which the flowers and growth tips are eaten like a green leafy vegetable.
iSpider plant yaziwa ngokuba yi cat’s whiskers kunye ne khaphetshu lase Afrika (African cabbage), amagqabi espider plant, izikhondo ezomeleleyo, neentyatyambo ziyatyiwa ngabantu kwaye yaziwa njengenye ye ‘mifuno enamgqabi ayokozelayo yase Afrika’ – eyaziwa ngokuba yi morogo, okanye imifino eMzantsi Afrika. Kuqinisekiswe okokuba ityebile kwiminerali, izakhamzimba kunye nee amino acids kwaye isetyenziswa kakhulu kwilali zase Mzantsi Afrika. iSpider plant (Cleome gynandra) ikwaziwa njenge oorpeultjie (ngesibhulu), lerotho (NgeSepedi ne Sesotho), murudi (Tshivenda), rirudzu, bangala (Xitsonga) ne Ulude (isiNdebele) kwaye yaziwa ngokuba ivela kwindawo ezishushu zeli lase Afrika naku Mazantsi- Mpuma we Asia.
iCleome gynandra isetyenziswa kakhulu njenge sityalo esinamagqabi ayokozelayo kodwa ifana ne Cleome monophyla kunye ne Cleome hirta (Isityalo segadi esixhaphakileyo) nazo siyasetyenziswa maxa wambi.
iSpider plant siyazikhulela kwindawo ezifana ne Namibia ukuya eLimpopo kwaye ibonwa nje ‘ngokhula’. Nangona ingalinywa kakhulu, kodwa ivamile ukufumaneka kwimihlaba ephazamisekileyo efana nasemveni kwezindlu zase makhaya. Kakhulu isetyenziswa njengesityalo esondla kusapho, iyathengiswa nangabo bathengisa ezindleleni.
iSpider Plant lichiza, isityalo esime nkqo kwaye sikhiwa ngonyaka, sikhula Phakathi ko 0,5m no 1,5 m ubude. Inesikhondo ezinoboya kwaye esicangathi, amagqabi adibeneyo, ingcambbu ende nentloko eziyi mibala-ngemibala (ezibonakalisa isigcawu, esifaniswa negama laso – ‘intyatyambo esisigcawu’) inentyatyambo enesikhondo eside nendawo ezimhlophe nezi pinki. Sisityalo esinabileyo ejika sibengumthi owomileyo exesheni. Eyona ndawo imnandi ityekayo ngamagqabi nendawo ekhula kuzo.
Uphando olwenziwe e-India luchaze okokuna iSpider Plant sine sinceda ukudumba okunentlungu, izibhadu ezitshabalalisa umzimba, ichasene nesifo somdlavuza, kunye nesifo seswekile. Iyathandwa ke kakhulu nangenxa yokuba iyakhusela – igxotha onomadudwane, nentothoviyane, nomnyiki we diamondback, ingxaki enkulu kwi khaphetshu.

Ikhuliswa njani iSpider Plant

iSpider Plant ikhuliswa kwimbewu kwaye ikhula kakuhle kubushushu ouphakathi ko 18℃ ukuya ku 25℃. Ayiwuthandi umhlaba onomdongo, isimo sezulu esibandayo nomthunzi. Imbewu mayixutywe kumlinganiselo we 1:10 nomhlaba owomileyo kwaye ityalwe kwimingxunya esezantsi ekwimiqolo yama 30 cm ukuya ku 50 cm ukwahlukana. Izityalo ingohlulwa ngo 15 cm. Nangona ikwazi ukumelana nembalela, khula ngcono xa ihlala inkcenkceshelwa - kathathu ngeveki kumhlaba onesanti, okanye kube Kanye ngeveki kumhlaba oxineneyo. Uxinzeleleko lokungabina manzi kuchaphazela ukukhula kwamagqabi.
iSpider Plant sikhula kakuhle kumhlaba kumhlaba otyebileyo, umhlaba ohluzekileyo nokongeza umoya we nirogen kungenyusa isivuno. Kodwa ke initrogen ephezulu izakwenza izikhondo ezilungileyo ezehlisa utshabaliso. Xa ufaka umgquba we nkukhu osemtsha okanye umgquba wehagu, sebenzisa ipheyile elizi litha ezilishumi kwindawo ezi cm ezingama 20 ububanzi, ne 15 ubude. Sebenzisa umgquba olinganayo wenkomo kubude be 5m. Hlala uxuba umgquba emhlabeni, galela amanzi ulinde iintsuku ezili shumi elinesine phambi kokutyala.
iSpider Plant asidibani nokhuphiswano nokhula, nezikhathazayo ezifana nemisundululu, nematodes kunye nezi nambuzane, kodw aiintshaba ezinkulu zi beetles ne hurricane bugs, ezikwaziwa njenge Bagrada okanye ipainted bugs. Tyala igarlic, itswele, okanye ipasili (parsley) kufuphi ne spider plant ukwehlisa izinga losuleleko.
Khuthaza intshaba zemveli: amaqanda we bagrada bugs atyiwa zinyosi ezincinci. Umxube we chilli, isepha, garlic ne parafini zifunyaniswe zilungcedo ekulweni ne imibungu ye Bagrada njengo zinceda ukuvasa ezisencinci.
iSpider Plant ingcoliswa zizinambuzane ezibhabhayo neembovane. Ukufuna amagqabi kuqala kwivwki ezine ukuya kwezi ntandathu emveni koku dubula kwaye ivunwa ehlotyeni ngexesha lemvula zokuqala, de kubese kwindla. Amagqabi angakhiwa xa iityalo zibubude obungu 15 cm. Amagqabi atyiwa eseatsha, kodwa ayakwazi ukubiliswa atyiwe oku kwespinatshi.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie