uWinnie Mandela Uyaqhubeka Nomzabalazo

Wabanjwa Wangcungcuthekiswa

©Eric Miller

Ngaphandle kwazo zonke ezi banning orders,zimthintela iindawo ahamba kuzo, uWinnie waqhubekeka nokuququzelela umzabalazo. Ngomnyaka ka 1969 wabanjwa phantsi komthetho oku Section 6 we Terrorism Act nowawuchaza ukuba, nabani na angabanjwa ngaphandle kwe warrant aze abanjwe angakhululwa nangaphandle kwamagqwetha ukuba ukrokreleka ekubeni angayingozi emthethweni.

Wavalelwa kwisisele sakhe yedwa isithuba esingangenyanga ezilishumi elinesixhenkxe. Iintsuku ezingama 200 zokuqala, wayengadibani nabanye abantu, ngaphandle nje kweqela labecuphi elalimngcungcuthekisa ngokungenalusini. Isisele sakhe sasine mirhai emithathu yeengubo ezibandayo ezizele ziintakumba,iintwala zinuka nomchamo. Kwakukho nebhotile yokusela amanzi, ikomityi, kunye nepheyile lokuzikhulula elingenawo nomqheba. Isikhanyisi (light bulb) esasisentla kwakhe esasihlala silayitile, sasimenza angaboni noba kuyasa okanye kuyahlwa.

Olu ngcungcuthekiso phantsi kwezimeko kwakusisenzo senkohlakalo esasidume kakhulu. Wathintelwa ekubeni alale, kangangeentsuku ezintlanu, ngethuba abecuphi babemxine ngemibuzo befuna abanike iinkcukacha. Elinye ibanjwa laziswa, waze wanyanzelwa ukuba alibukele ngethuba lingcungcuthekiswa. Bamxelela ukuba ukuba nenkani kwakhe, kwakungunobangela wokungcungcuthekiswa nobuhlungu obuviswa elibanjwa.

Wasokola Ukuqhela Izinto

©Eric Miller

Wade wanikezela uWinnie. Wabathembisa abacuphi ukuba uzakuyiphendula yonke imibuzo yabo. Ityala lakhe laqala ukuxoxa kwinyanga ka Disemba walonyaka waze wakhululwa engakhange agwetywe. Waphinda wanikwa enye ibanning order. Lena ke yayiqatha kakhulu kune yakuqala. Wayengavumelekanga ukuphuma endlini yakhe phakathi kwentsimbi yesi 06 am kunye neka 06 pm.

Wathi phambi kokuba iqale le banning order watyelela utata wakhe nowayesele ekubonile ukungalungi kwalomthetho wasezilalini ebekade ehambisana nawo. Wathi ngoku sele iqalile le banning order, watyelela umyeni wakhe e Roben Island. Imigaqo yayisele yenziwe nzima kakhulu kwaye wemka enganelisekanga. Emva ekhaya, wasokola ukuqhela izinto.

Amapolisa aqhubeka nokugqogqa umzi wakhe, kwaye indlu yakhe yayihlala isonakaliswa, iqhekezwa okanye ibhombishwa. Kuyo yonke imeko awayeyinyamezele ukuzokuthi gaa ngeloxesha, ukuzimisela kwakhe kwidabi lomzabalazo laya kwaye kukhula nangakumbi kwaye waqhubekeka nokuzibonakalisa ukuba akasayi koyika ngokoyikiswa.

Used as a Scapegoat

©Eric Miller

uWinnie waphinda wabanjwa kwakhona ngomnyaka ka 1973 ngenxa yokuba wathi wadibana nomnye umntu naye ophantsi kwe banning order, uPeter Magubane. Isigqebo sakhe seenyanga ezilishumi elinambini, wayezakusichitha kwintolongo yamabhinqa ese Kroonstad. Kodwa wafumanisa imeko zale intilongo zingekho maxongo njengezinye esele esuka kuzo. Waye wakhululwa emva kweenyanga ezintandathu. Yathi xa iphelelwa ibanning order yakhe ngomnyaka ka 1975 ayaphinda ihlaziywe.

Waye wazibandakanya ngamandla kunye noqhankqalazo lwabafundi base Soweto (Soweto Student Uprising) ngomnyaka ka 1976. Wancedisa ekusunguleni umbutho owawubizwa nge Soweto Parents’ Association waze wanceda nabo babelimele okanye bebanjiwe ngethuba beqhankqalaza. Nangona uWinnie wayefaka nje isandla koluqhankqalazo, uhrulumente wasebenzisa yena njengexhoba. Wabanjwa waze wagcinwa eluvalelweni kangangesithuba seenyanga ezintlanu ngaphambi kokuba anikwe enye ibanning order ngomnyaka ka 1977.

Wayokulahlelwa eBrandfort

Umnnyaka ka 1977 ikwangunyaka awathi wayokulahlwa kwidolophu egquthayo yase Brandfort kwiphondo le Free State. Kulapho ke wathi wahlala khona iminyaka esibhozo. Amagosa kahrulumente axelela abahlali baledolophu ukuba uWinnie unobungozi kwaye kufuneka badlalele kude lee kuye.

Noxa kunjalo, uWinnie akazange adinwe. Waqhubeka nokulwela amalungelo abantu, kwaye waye wakwazi nokulungisa ingingqi yakhe. Ngethuba ehlala kule ndawo, waqala isoup kitchen, isitiya sabantu bokuhlala, ezempilo, ikrishi, iqela lokuthunga kwakunye neendawo yeenkedama kunye nabantu abatsha abasele besuka eluvalelweni.

Translated by Zikhona Plaatjie

Iintetho Ezimbi Ezijikeleze uWinnie Mandela

Emva kokuba wakhululwa uWinnie elubhacweni eBrandfort, wavunyelwa ukuba abuyele ekhayeni lakhe ngomnyaka ka 1986....more

Winnie Mandela

uWinnie Madikizela-Mandela ukhunjulwa kakhulu nengo “Mama we Sizwe” kunye neenzingo awathi wahlangabezana nazo njenge nkosikazi ka Nelso...more