Ukuqala Intsimi yoMdiliya

© Louise Brodie

Kulindeleke ukuba intsimi yomdiliya iphile ngapha kweminyaka engamashumi amabini. Kubalulekile ukucela iingcebiso kosomachwephesha. Ezi zigaba zilandelayo kufanele ziqwalaselwa phambi kokuba iintsimi entsha ilinywe: Izityalo esele zityaliwe kwintsimi: Zeziphi kwaye zingaphi esele zikhuliswa? Iitoni ekunqwenelwa ukuba ziveliswe kulentsimi intsha izakulinywa.

Ingaba ilixa lokuvuthwa lezi zityalo zitsha liyangquzulana nelo lwezityalo esele zikhona? Zeziphi ezinye izityalo zolimo esele zilinywa kulentsimi? Ukubakho kwamanzi. Ubuxhakaxhaka bemitshini osele busetyenziswa. Inkcukacha malunga nomhlaba walo ndawo ithile, nokuba lomhlaba ukulungele na ukulima imidiliya. Indawo okuyo umhlaba kunye nokumila kwawo.

Ukumelana nendidi ezithile zomhlaba, nokukwazi ukufunxa amanzi (ukuba kuyadingeka) kwakunye ne khemikhali nolungiso lomhlaba kuthathelwa ingqalelo. Indlela ezokutyalwa ngayo lemidiliya kwano didi lwe wayini eziakuveliswa, iveliselwa eyiphi imakethi.

Enye ingqwalasela kufuneka inikwe izinto ezijikeleze indawo enengcambu: Uubanzi bokutyala, imityhi phakathi kwee ngcambu nendawo ezijonge ngakuyo, ubude bemiqolo yemidiliya kwakunye nobuchule be trellis.

Ukufaneleka ko Mhlaba

Kufanele kuqwalaselwe ukufaneleka komhlaba, Ingaba ukulungele ukuvelisa imidiliya ye wayini okanye kufanele kucingwe esinye isityalo? Iindawo ezise nokubasemngciphekweni wokanakaliswa yiqabaka kufuneka kungayiwa kuzo, umzekelo, iingingqi ezidame amanzi kunye nemihlaba emanzi maziphetshwe okanye zifunxwe lamanzi kuqala.

Indawo ezithile, umzekelo ezisemqengqelezini zingabhudlwa ngumoya omninzi ongathi ubangele ukukhula kwentsimi yomdiliya kubenzima. Iimiqengqelezi isenokuhola ehlotyeni kunemihlaba esesigingqini ekwa sondele nase mlanjeni.

Imiqengqelezi esemantla e Mzantsi Afrika ifudumele yona, kwaye isetyenziselwa ukutyala iindidi ezifana ne Cabernet, Pinotage, Shiraz kunye nezinye iindidi zokwenza iiwayini emhlophe ezifana ne Chenin Blanc kunye ne Chardonnay.

Imiqengqelezi esemazantsi yona ipholile kwaye izityalo ezikwaziyo ukumelana nale mmo yimidiliya ye wayini ezimhlophe ezifana ne Sauvignon Blanc kunye ne Riesling kunye nezityalo ze wayini emhlophe ezifana ne Merlot kunye ne Pinot Noir.

Umhlaba ochumileyo okufuphi nomlambo usekwanakho ukubangela imidiliya ukuba ichume kakhulu. Noxa kunjalo imidiliya yona izokubola lula ngakumbi. Imidiliya yewayini ezibomvu ayizukubanombala obomvu kakhulu kwi meko ezinjalo.

Ukuqelelanisa Kwemiqolo

Ububanzi bemiqolo buxhomekeka kukusetyenziswa ngendlela komhlaba, kodwa ukwaxhomekeka koo ganda ganda kunye nezinye izixhobo ezifana nemitshini yokutshiza ezakusetyenziswa. Umtyhi phakathi kemiqolo uvamise ukuba phakathi kwe 2.1m kunye ne 3.0m kodwa ugcinwa umxinwa kangangoko ukuze umhlaba ubenokutyalwa kakhulu.

Oku ke kuthi kunike imveliso ephezulu kwi hekthare nganye nto leyo inokukhokelela kwingeniso ephezulu kwi hekhtare nganye. Ububanzi bomqolo buyaxhomekeka, kunjalo nje, kubuchule be trellis nobokuthena obusetyenziswayo, ngoba kuko oku okuchaza ukuba sizokuba banzi kangakanini isigqumathelo (canopy).

Xa kusetyenziswa imitshini yokuvuna, ingqwalasela ekhethekileyo kufuneka inikwe kububanzi bendlela. Le mitshini mikhulu kakhulu yaye ekupheleni kwemiqolo imityhi yokujika akufanelanga ibekufutshane ne mitha ezisi 6-7.

Ukuqelelanisa kwe Zidiliya

Umgama phakathi kwezityalo zomdiliya uxhomekeka kakhulu kudidi lomhlaba kunye nee ndidi ze diliya ezidityanisiweyo, ngamanye amagama ukuchuma kwezindidi. Ngokuye uchuma umhlaba, kungona kufanele ziqelelaniswe ezizityalo. Ngokunjalo naxa umhlaba ungatyebanga, kufanele izityalo zisondelelaniswe.

Ubume Bemiqolo noBude

Icala ojonge kuyo umqolo luxhomekeke ikakhulu yindawo okanye ubumqengqelezi bendawo kwakunye nokubhudla komoya, ilanga kunye nendidi yomdiliya ozakutyalwa. Imimoya ebhudla ngamandla necala obhudlela ngakulo idlala indima ebalulekileyo. Umoya obhudlayo kwintsimi yemidiliya ungomisa amagqabi msinyane unciphise nesifo sokungunda.

Ukwanayo nendima oyidlalayo ekupholiseni imidiliya kwaye ambalwa amathuba okuba imidiliya yonakaliswe ngulo moya. Imimoya ebhudlela emacaleni yona isenakho ukonakalisa imithana esemincinci ekuqaleni kwexesha lokulima ngaphamb kokuba yakhelwe ubuchule be trellis.

Ukugqatswa lilanga nemiqengqelezi kungabangela ukhukuliseko lamanzi kwaye zizinto ezifuna ukujongwa ukuze kufunyanwe indlela yokubeka imiqolo xa kuqalwa intsimi entsha yomdiliya. Dibana nosochwepheshe kwezolimo lwemidiliya ukuze akucebise ngokuphathelelene nemiqolo, nendidi yomdiliya. Indlela entsha ekwenziwa ngayo kukwenza imiqolo ibemide.

Oku akuzondleko zinkulu kwaye nemoto zithatha ixesha elincinci ukujika jika. Obona bude bukhulu bemiqolo bubalelwa kuma 250 m.

Translated by Zizipho Silwana