Ukukhethwa Kwendidi yoMdiliya

© Louise Brodie

Umdiliya okhethwayo ozakutyalwa uxhomekeka kwizinto ezithile eziliqela; eyona ibalulekileyo yindidi yomhlaba nengingqi (umz. Ukukekela, nomgama ukusuka kumgangatho wolwandle) kwakunye nendidi yewayini ezakuthi yenzelwe imakethi ethile. Ngethuba kuhlelwa intsimi yomdiliya, ubukhulu obupheleleyo bentsimi kufuneka bubalwe.

Umzekelo, izobaneziphumo ezibonakalayo xa kuvunwa iindidi ezahlukeneyo ngexesha elinye. Xa kukhethwa iindidi zezityalo, amaxesha okuvunwa kwezityalo ezahlukeneyo kufuneka aqwalaselwe ngobuchulu ukuze kukwazeke ukuhlelwa ithuba lokuvunwa. Xa kukhethwa indidi ethile yesityalo, kufanele kukhunjulwe ukuba lendidi isenokuba nenye okanye nangaphezulu yezinye ezifakana nayo.

Ezinye ezifana nayo (clones) zivuthwa kwamsinya okanye zingane bhantshi ezinkulu ngoko ke zingathwala imidiliya emininzi. Iingcambu nayo kubalulekile ukuba iqwalaselwe.

©Louise Brodie

Khetha iingcambu eziyilungeleyo indidi yomhlaba ezizokutyalwa kuwo. Iingambu zivamise ukuhlolwa kakuhle eMzantsi Afrika xa kuzakulinyelwa intengiso. Oku kukhokelele ekusetyenzisweni kwengcambu ezikwaziyo ukumelana nezifo ze phylloxera kunye ne nematodes, ezifana ne 99 Richter, 110 Richter, 101-14 Mgt, 140 Ruggeri kunye ne 1103 Paulsen, kuquka ne Ramsey kuyo yonke imihlaba enesanti okanye kwimveliso esisixa. Kodwa apho umhlaba ungcoliswe yi Phytophthora cinnamomi i 99 Richter enochuku kakhulu kufuneka iphetshwe.

Ulwazi lwengcambu kumhlaba othile kufuneka luqwalaselwe njengoko iingcambu ikwachaphazela nendlela echuma ngayo intsimi yomdiliya. Apho inani elikhulu lemidiliya lizakulinywa khona, kulicebo elihle ukusebenzisa iRamsey kunye nengcambu ze US 8/7.

Kwizityalo apho kufuneka isivuno esincinci nomgangatho ophezulu kungasetyenziswa i99 Richter, 110 Richter kunye ne 101-14 Mgt Izixhoobo nembewu yokutyala kufuneka zithengwe kwindawo ezibhalisiweyo kwaye enegama elihle. Zingathengwa kwinyanga ezili 14-18 phambi kokutyalwa.

Translated by Zizipho Silwana