Ukugada Ukukhula Kwesityalo se Hops

© Chris Daly

Kwixeshana nje emva kokuba utyale amagaqa akho ehop rhizomes, kuzakuntshula izitholana emhlabeni. Ihops zikhula kwezizithole zibizwa nge bines, nezizakudinga ukuba zimiswe zonyukele phezulu. Xa sele zenzelwe itrellis okanye ihop twine zizakuqalisa ukukhula enye ibheke ngakwicala layo. Malunga nee bines ezine ukuya kwezintandathu kufanele zikhule kwisityalo/ kwi rhizome nganye.
Gada isityalo sakho ukuqinisekisa ukuba akukho zithole zonakeleyo okanye ziceke-ceke. Ungavumeli iibines zakho ukuba ziphithane kuba oku kuzakubangela ukuba zixinane nto leyo inokukhokelela kumonakalo womthunzi kunye nokwanda kwezonakalisi, Hlola amagqabi ujonge izonakalisi ze powdery white mildew ukhangele nezinye ezifana nemibungu.
Hlola nomhlaba ojikeleze isityalo sakho, ze ususe ukhula kunye nemvuthuluka enokuthi ithintele ukukhula. Kufanele ugcine umhlaba ufumile, kodwa ke ulumkele ukusinkcenkceshela ngokugqithisileyo isityalo sakho. Nkcenkceshela isityalo sakho ekuseni ukuze amagqabi akwazi ukoma ngokuhamba kwemini. Ungamane ujonga ukoma ngalomaxesha ukoma, nakhona xa sikhona isidingo. Ukugada isityalo sakho kubalulekile kuba iingxaki ezifunyenwe kwangethuba zingalungiseka lula.

Indlela Yokukhathalela Isityalo se Hops

©Chris Daly
Xa izithole ze bines zintshula emhlabeni, sele ililixa lokuqala ukukhathalela izityalo zakho ze hops. Iibines zikulungele ukugotywa xa zinobude obuzi 15cm. Zingagotywa ngokuthi zijijelwe ngokubuchule kwi trellis okanye hop twine. Oku kufuneka kwenziwe iintsukwana ezimbalwa, emva koko iibines zizakube sele zizikhulela zijongise kwicala elinye kwaye zingamane zihlolwa rhoqo.
Njengokuba isityalo sikhula kubalulekile ukususa kwasebe liceke ceke okanye elonakeleyo. Xa sele izinyanga ezimbalwa iihops zikhula, kulicebo elihle ukucheba amagqabi akuma 60cm amazantsi esityalo ukuthintela ukonakaliswa zizifo kunye nokungunda. Ungankcenkceshela ze ugalele izichumiso kwisityalo sakho ngalomaxesha, kuxhomekeka ukuba kudingeka ntoni. Susa lonke ukhula kunye nemvuthulula esemhlabeni ojikeleze isityalo.
Ukuba uthe waqaphela kwazonakalisis ezifanane powdery white mildew emazantsi amanye amagqabi, wachebe ngoko nangoko uze uwalahlele ngaphandle kweyadi yakho. Ungasebenzisa isibulali zonakalisi sendalo ukulawula imibungu kunye nezinye izonakalisi ezinokuthi ziphazamise izityalo zakho. Qhubeka nokukhathalela isityalo sakho rhoqo ze kube kanti iihops zikulungele ukuvunwa ngasekupheleni kwehlobo.

Ukuvuna iiHops

©Chris Daly
Ixesha lokuvuna iihops zakho lizakuxhomekeka kwindawo okuyo okanye ngexesha lonyaka. Kodwa ke, kwilizwe loMzantsi Afrika kuvamise ukuvunwa ehlotyeni. Kufuneka ujonge amagqabi esityalo sakho, kuba ngawo abonakalisa ukulungela ukuvunwa. Xa amagqabi ehop eqala ukujika abentsundu ngebala aze ome okwephepha emacaleni, iihops sube zikulungele ukuvunwa. Ukuqinisekisa oku, ungaqhekeza phakathi ihop cone. Incindi ye lupulin esesiphakathi kufanele ibetyheli kwaye ibencangathi. Khetha ihops esele zilungile uze ushiye ngasemva ezo zingekalungi. Qiniseka ukuba uvuna ihops phambi kokuba zivuthwa, kuba oku kuzakuthintela incasa yazo nto leyo izakuchaphazela nencasa yebhiya. Ukuvuna iihops, jija kakuhle icone de zisuke emasebeni.

Makusetyenziswe iHops Ezomileyo

©Chris Daly.
Xa sele usivunile isityalo sakho seehops, kufuneka usomise ukuze zisetyenziswe. Beka ihops ezivuthiweyo kwindawo enabileyo. Qiniseka ukuba azikhwelananga kwaye azikho selangeni. Njengokuba zisoma, ziguqule ukuqiniseka ukuba zoma ngokulinganayo macala onke. Oku kufuneka kwenziwe de kube kanti zome zonke. Uzakuzibona ukuba zomile ngokuba isiqu sibekrwaba krwaba sikwazi ukwephuka endaweni yokugoba. Iihops ezomisiweyo zingagcinwa kwinkonkxa engangeni moya kwisikhenkcezisi/friji de kufikelele ixesha ofuna ukuzisebenzisa ngalo

Eminye Imisebenzi ye Hops Ngaphandle kwe Bhiya

©Chris Daly
Iihops zidume njengezisetyenziswa ukwenza ibhiya, kodwa ke zingasetyenziswa nokwenza ezinye izinto. Iihops ziyasetyenziswa ekwenzeni iqela lamayeza esintu namachiza endalo okuphelisa ukuphuthelwa, ukunciphisa uvalo kwaye zikwanceda nasekucolweni kokutya esiswini. Uphando lwenziwe ukujonga ukuba zingasetyenziswa na ukuphelisa iimpawu zokuya exesheni kwamabhinqa kunye neze menopause. Ngaphezulu kokusetyenziswa njengenye yemixube yokwenza ibhiya, iihops maxa wambi zisetyenziswa ekutyeni kwakunye nakwiziqholo zendalo kwaye kusenokwenziwa ngazo iphepha elikumgangatho ophantsi.

Translated by Zizipho Silwana