Ukohlulahlula noku Pakisha Amaqanda

© Chris Daly
Cleaning eggs.
Ukukhusela abathengi, nokuthintela ukungaqondi kakuhle, abavelisi kufanele bathobele umthetho (Regulation 725) phantsi komthetho we Agricultural Product Standards Act, Act No119 of 1990 xa befuna ukuthengisa amaqanda. Oku kuthetha okokuba:

Umlinganiselo Onguwo

©Chris Daly
Amaqanda eyimilinganiselo eyahlukileyo akufunekanga apakishwe kunye kwindawo enye kwaye kufuneka zibonakaliswe ngokwahlukileyo xa ethengiswa nganye nganye. Obubunzima bulandelayo buyasetyenziswa:
  • Super Jumbo amaqanda kufuneka ubunzima bubengaphezulu kwe 72g
  • Jumbo Egg ngaphezulu kwe 66g
  • Extra Large amaqanda abengaphezulu kwe 59g
  • Large egg ngaphezulu kwe 51g
  • Medium Egg ngaphezulu kwe 43g
  • Small egg ngaphezulu kwe 33g
  • Mixed sizes kufuneka ubunzima bubengaphezulu kwe 33g kwaye aphawulwe okokuba axutyiwe ngoko bungakanani nokuba athengiswa bucala uthintela ukubhideka

Ukubeka Amaqanda Ngokwe Zinga

Amaqanda angekho kwizinga elinye akumelanga apakishwe kunye kwibokisi enye, kwaye kufuneka abotshwe bucala xa ethengiswa odwa. Amaqanda eMzantsi Afrika.

Grade 1/Grade A

Lendawo imhlophe kufuneka ityebe, iqanda libenendawo etyheli esiphakathini. Indawo yomoya ibencinci, ubukhulu nobunzulu obungu 6mm, kwaye lihambe 6mm nakweliphi icala xa lijonge ezantsi, iqanda kufuneka lingabina mabala enyama iqokobhe licoceke, lingaqhekeki lomelele. Indawo emhlophe eqandeni kufuneka ibene huagh engange 55 units ubuncinci. (lomlinganiselo ujonga iprotein eqandeni, ngokobude balendawo imhlophe. Amaqanda asematsha kwaye akwizinga eliphezulu lendawo imhlophe iyatyeba kunalawo angekho kudidi oluphezulu.)

Grade 2/Grade B

Ambalwa ke kwelihlobo lamaqanda elisezivenkileni. Lendawo imthubi ngaphakathi kweqanda imbaca le imhlophe ibhityile kunalawo aziwa ngokuba ngu Grade 1 amaqanda. Indawo yomoya inobunzulu obungu 9mm ihamba hamba ngaphantsi ko 12 mm naphi na xa iqanda lijonge phezulu. Iqokobhe ali qhekekanga, lingarhwexa, okanye libe netela, namachaphaza. Lendawo imhlophe kufanele ibene haugh engange 35 units.

Grade 3/Grade C

Awathengiswa kwivenkile zokutya. Lendawo ityheli imbaca kwaye inga mbaxa ngobume, loxa lendawo imhlophe ibhityile inamanzi. Iqokobhe lingaqhekeka okanye libenechaphaza.

Ukupakishwa Noku Phawulwa

©Chris Daly
Upakisho lwamaqanda kufuneka lingabina vumba, okanye ncasa imbi, indala. Kufanele yomelele, ingophuki, kwaye ikhusele amaqanda xa esothulwa, ehanjiswa. Akufunekanga ifunxe ukufuma okuninzi kwaye kufuneka icocisiswe. Iziphawuli ezindala zisuswe, xa iqokobhe ziphinda zisetyenziswe.
Ibhaskithi zizo ezikulungele upakisha xa umgama asiwa kuwo amaqanda umfutshane, itreyi abekwa kuzo ne pakethi zokuwafaka. Amaqanda aziwa njenge free range, ne barn lawo ke aveliswe zinkukhu ezingekho seluvalelweni kwaye ke namaqanda athe axilongwa ukuze akwazi ukutyeka, pasteurized ngolwimi lwase mzini kufanele kuthotyelwe imithetho zibhalwe ngokwe ntlobo zamaqanda ezizo. Oku kulandelayo kufuneka kubekhona kumbhalo:
  • Igama lamaqanda
  • Igama lenkampani (eli laziwayo)
  • Inkcukacha zalowo ebepakisha
  • Umhla wokuphelelwa kwawo
  • Inani lamaqanda
  • Imithetho elawula amashishini
  • Ubungakanani
  • Ilizwe asuka kulo

Translated by Zizipho Silwana