Mountain Ground Squirrel
Unomatse weNtaba

© Marinda Louw

Name

Unomatse weNtaba [Xerus Princeps]

Inkangeleko

Unomatse wentaba ebesaya kubonwa njengo hlobo olunye no nomatse wase Koloni, mvanje wohlulwa njengohlobo oluzimeleyo. Ukwaziwa njenge Kaoko Ground squirrel. Mkhulu kuno Nomatse wase Koloni, kwaye unobunzima obungama 1.4 kg. Umsila wakhe nenyawo zangemva zinde kunezabanye onomatse.
Amalungu la angentla omzimba antsundu okhanyayo ngombala, elandelwa yimigca emhlophe emacaleni omqolo. Umphantsi omhlophe, nomsila ofukufuku omhlophe onamfakaza amnyama. Kunezi zimbini intlobo zaba balapha eKoloni o Nomatse, amazinyo abonakala e orenji endaweni yomahlophe. Noboya bomzimba buncinane kakhulu kunobu babanye ahlonene nabo.

Isidlo

Zitya ukutya okusemgangathweni, okufana nengcambu ezingamagaqa, nezityalo eziluhlaza, kwakunye nembewu ye Acasia. Maxa wambi ziye zinyukele kubude obuzi mitha ezimbini emahlahleni ukuze zivune amagqabi aluhlaza, amaqunube kunye ne mopane plant lice.

Ukuzala

Zizala amantshontsho abalelwa kwisithathu ngexesha emva kokumitha iintsku ezingama 48, zivamise ukuzala esiphakathini sohlobo nangona zinokugqithela kwilixa lasebusika.

Ukuziphatha

Ziphuma kwimingxunya yazo emva kokuphuma kwelanga. Ezi zizilwanyana ezihamba ngokukhanya kwelanga. Ukumelana nemeko ezinobungozi zendawo ezihlala kuzo, ziye zihambe ngamaqedlana okanye ngambini. Lemingxunya zihlala kuyo yakhelwe phakathi kwengxondorha zamatye. Lemingxunya ilula kunaleyo ijikojiko ka Nomatse wase Koloni, inendawo enye yokufukama. Zisebenzisa umhlaba ofikelela kwi hekhtare ezingama 40 ukwakha amakhaya azo, apho ziphila ngezityalo.

Intlalo

Unomatse we Ntaba uhlala kwindawo ezomileyo, nezinqatyelweyo zimvula.

Apho Zifumaneka Khona

Zifumaneka e Angola, Namibia e Fish River Canyon ukwenyuka, zilandela imixethuka ye ntshona kwelase Namibia ukuya kuma a Kaokoveld. Kwaye zikwakhona nakwi ngingqana encinci kwiphondo lase Mntla Koloni ngakumda we Namibia.