iRobben Island Yaziwa Kwihlabathi Lonke

Ungakhwela Nje Isikhitshane Ukuya Khona

©Roger de la Harpe
Olu khenketho luthatha iiyure ezi ntathu ukuya kwezine, kuquka uhambo ngesikhitshane. Ufike ukhwele ibhasi eya kumzi apho u Robert Sobukwe (Inkokheli ye PAC) yayivalelwe khona, ilime quarry, World War Two defences and the maximum-security prison. Undwendwele isisele sika Nelson Mandela, kodwa ujikeleze nehlathana, unxweme olusentshona kunye ne qela loo nombombiya / phengwini kunye nezixhobo zangethuba le Second World War.

Uphawu Lwenkululeko Kunye Nenkululeko Yomntu

©Roger de la Harpe
Phantse iminyaka engama 400 iRobben Island, nengama 12 kilometres ukusuka eKapa, yayiyindawo yokubhacela. Kwakulapho babethunyelwa khona abo babeponwa njengabaphazamisi ngokwezopolitiko kunye nabangasafunwayo ekuhlaleni. Ngeminyaka yocalulo iRobben Island yaye yaziwa kwihlabathi lonke njengendawo apho uNelson Mandela kunye neenkokheli eziphezulu zombutho we African National Congress babevalelwe khona. Noxa kunjalo, uninzi lwamabanjwa ezopolitiko lwaphumelela ekujikeni lendawo njengophawu lwenkuleko kunye nenkululeko yomntu. iRobben Island yaba yindawo ebonakalisa ukuphumelela komphefumlo womntu kwiinzingo neenkxwaleko ajamelelene nazo.

Translated by Zizipho Silwana