Ingcaciso Ngemixube Yezichumiso

©Eric Miller
Izichumiso zisenoba kanti zenziwe ngezinto zenadalo ezazikade ziphila ngaphambili, okanye ngezinongo zee khemikhali. Ezi ke zigalelwa emhlabeni zingamagaqa okanye zingamanzi. Ezi zinongo zisenokutshizwa nakumagqabi ezityalo ukuphuhlisa ukuhluma ze zinike nezinongo kwizityalo.
Ezona zinongo zintathu zisetyenziswa sisityalo zii Nitrogen (N), Phosphorous (P) kunye ne Potassium (K). Xa ucinga ngesichumiso omawusisebenzise, ezi ke zezona macronutrients ezizakufumaneka kwiziphumo zohlolo lwesampuli yomhlaba. Izichumiso zenziwa ngalemixube yohlukileyo yezi macronutrients zintathu, kwaye zibonwa ngamanani amathathu aphawulwe kwiingxowa zezichumiso. Lamaphawu abonakalisa I N P K yokwenziwa kwesichumiso kwakunye nesibalo yazo kumxube ngamnye. Umzekelo: 2:3:4 (27) okanye 1:0:1 (36) izakubangumlinganiselo wexabiso le N P K.

Inkcazelo nge NPK

Amaphawu eNPK kwizichumiso achaza ipesenti zesinongo ngasinye kwakunye nesabelo saso kwingxowa nganye. Inani elisemva kwesabelo esikwi bhrakethi (umz.27) liyi pesenti yomxube opheleleyo nelimele ezona macronutrients zintathu, nezibizwa nge N, P kunye no K.
Ngoko ko, kwingxowa enobunzima obungama 100 kg kubakho 2:3:4 (27):
Lama (27) athetha ukuba ama 27% ale ngxowa okanye ama 27 khilogrem amele inani elipheleleyo lwe N, P kunye ne K.
Engangxengwanga 2+3+4 kwaye ukuba wahlula ngesi 9 kuma 2, lonto ithetha ukuba ingxenge nganye yesabelo imele isi 3.
Ngoko ke:
Isi 2 esphindwa-phindwe ka 3 ngu 6% we Nitrogen (N) okanye 6 kilograms.
Isi 3 ke sibeyi 9% se Phosphorous (P) okanye 9 kilograms.
Isi 4 esingu 12% se Potassium (K) okanye 12 kilograms.
Amanye ke ama 73 kilograms we 100 kilograms wesichumiso zii element, ezenza kubelula ukuba izityalo zikwazi ukumelana nesichumiso. Iielement ezenza ukuba iN, P, K ifikelele kwiingcambu zesityalo esisemhlabeni kunye nezinye iielement ezifana ne Copper, Zinc, Boron, Manganese and Magnesium ezinokuthi zisetyenziswe sisityalo.

Translated by Zizipho Silwana