Iimbovane kunye nee Ntwala Zomdiliya

© Prof Piet Goussard Winetech

Ezi zitshabalalisi kuthethwa ngazo zombini, kuba iimbovane kunye neentwala zemidiliya zivamise ukuhlobana. Iintwala zemidiliya zingasasazwa nazimbovane kwaye inkangeleko yeembovane ingabonakalisa ukubakho kokosuleleka ziintwala zomdiliya kuba incindi eziyikhuphayo ikukutya kwee mbovane.

Imazi zee ntwala zomdiliya zikhupha intambo ezimenyezelayo nezithi zenze ngayo iovisac. Xa ziseyimibungu, umbungwana usuka egqabini uye kwizihlahla zomdiliya. Ukungunda okumdaka okumnyama kukhula kwincindi ekhutshe yintwala yomdiliya. Lo mbala umnyama ungabonakala kwii diliya ezosulelekileyo. MIintwala zomdiliya zikwandisa nesifo samagqabi ediliya.

©Prof Piet Goussard Winetech

Eyona njongo yokulawula ngoko kufuneka ibekukuthintela iintwala zomdiliya ukuba zingosuleli izihlahla zomdiliya okanye zinwenwele kweminye imithi yediliya. Kodwa ulawulo lwee mbovane linyathelo lokuqala ekulawuleni iintwala zomdiliya.

Iplastiki ebekwe phezu komhlaba othathwe kanye phantsi komqolo otyalwe idiliya, usenokuba yindawo elungileyo ukuze kuzalele iimbovane. Kufuneka isuse ngoko nangoko. Ukhula olukhula lubeluude lunga bayindlela yee mbovane ukuba zingene kwidiliya kwaye kufuneka zithintelwe ingakumbi ngexesha lokukhulisa imithi yediliya.

Ukusebenzisa ubuchule bezityalo zokukhusela kunganceda kulawulo lokhula. Zikwanceda nakwintshaba zendalo zee ntwala zemidiliya. Iintshaba zendalo zee ntwala zemidiliya ibayimibungana yoqongqothwane ikakhulu (zitya iintwala zemidiliya) kwaye zihlasela imazi esele zindala. Ukugada iintwala zemidiliya kuquka ukusebenzisa onoxhaka be pheromone ukubamba iinkunzi.

©Prof Piet Goussard Winetech

Imithi yediliya echaphazelekileyo iyaphawulwa ngethuba lokukhulisa izityalo ukuze ikwazi ukunyangwa nge khemikhali efanelekileyo ebusika, phambi kokudubula. Kubalulekile ukuba imithe yediliya emelene nayo, nayo inyangwe. Ukumanzisa imithi yediliya kubalulekile kuba iintwala zemidiliya ziyazimela ebusika.

Zizimela phantsi kwamaxolo afieyo kunye nasezingcanini. Kwimeko apho ukusuleleka kwee ntwala zomdiliya kuxakile isibulali zinambuzane esifakwa emhlabeni singasetyenziswa. Beka imida yezinambuzane okanye imida enyangwe ngesibulali zinambuzane emacaleni kwesiqu kunye nakumacingo axhase imithi ukuze kulawulwe iimbovane.

Translated by Zizipho Silwana