Zintoni Izakhono Ezisebenzisa Ingqondo?

© Andile Bhala
Izakhono zezandla zase fama zihambelana nomsebenzi lowo uthile. Udinga ukuba nempepha ukuze ubenokwenza imisebenzi ethile. Ezi zakhono zisetyenziswa efama xa usenza umsebenzi wase fama, umzekelo, ukuqhuba imoto, ukusebenzisa/ukucofa iikhompyutha, ukugonya izilwwanyana okanye nawuphi na umsebenzi odinga izandla. Izakhono zezanda uzifundela emsebenzini ikwazizakhono othetha ngazo xa ukudliwano ndlebe lomsebenzi wasefama.
Izakhono ezingasebenzisi mandla kwelinye icala, yindlela oyiyo njengomnt kunye nendlela othetha ngayo nabanye abantu.
Omnye wosomashishini abaphumeleleyo eUK, uJames Caan ukholelwa ekubeni ‘abasebenzi bayabambezeleka bangaphumeleli ngenxa yokungabi nazo ezi zakhono zingasebenzisi mandla (soft skills).’
Uthi ezona zakhono zibalulekileyo zezokukwazi ukuthethana nabantu, ukusebenzisana nabantu, ukuthatha izigqibo, ukulawula ixesha ngendlela kunye nomnqweno wokulawula ingomso lakho kunye nelenkampani/eleshishini. Ezi zakhono zikwaquka ukuzimisela kwakho nokuba neminqweno yempumelelo, kunye nokukwazi ukulawula ixesha lakho uthathe noxanduva. Mayelana nokuthetha, xa ubhala imbalelwano ye email kunye ne SMS, qiniseka ukuba uwabhala ngendlela amagama, sebenzisa izingxi neziphumlisi ngokufanelekileyo uze uvale umyalezo ngegama lakho.
Ezi zakhono zingenza umahluko omkhulu phakathi kokuba uyawufumana na umsebenzi okanye hayi. Phantse bonke abantu abantu ababhalisela umsebenzi basenokuba nazo zonke izakhono ezidingekayo zokwenza umsebenz (hard skills) kodwa bangaphi abanokuba nezakhono ezidinga ingqondo (soft skills) ezizakumenza ukuba abengcono kunanabo bonke abanye abafuna lomsebenzi?
Izakhono zakho ezingasebenzisi mandla zizo ezizakwenza ukuba wohluke kubo bonke abanye. Ayikokuphakama nje kuphela wenze umsebenzi, koko kukhuthaza nabantu osebenza kunye nabo.

Translated by Zizipho Silwana