Yintoni Ukujikeleziswa Kwesivuno

© Lesław Zimny
Ujikeleziso lwesivuno kukwahluka kwezivuno kumaxesha okutyala ahlukileyo. Izivuno zonyaka (ezifana nemifuno nengqolowa) akufunekanga zityalwe endaweni enye iminyaka emibini elandelelanayo. Kufuneka itshintshiswe nezinye izivuno, kuba izivuno ezahlukileyo zithatha okanye zisuse izondlo ezahlukileyo emhlabeni. Ukujikeleziswa kwezityalo kwenzeka kwizivuno ezithile xa zitshintshisiwe. Ithetha nje ukuthi imveliso yesosivuno nezinganda xa zikhuliswe kwindawo apho kulandelwa indlela ethile yesivuno.
Umzekelo, umlinganiselo weminyaka kwindawo ngendawo, imveliso yomilimili yanda ngomlinganiselo ophakathi we 12% xa ikhuliswe kwezityalo ezifana neembotyi. Kwakhona imveliso yombona yenyuka ngo 12% xa ikhuliswe nezinye izityalo ezifana neembotyi. Kwakhona imveliso yegqolowa emveni kwe sunflower nokolulama angangexesha lenyanga ezilishumi elinesithathu (13) umahluko yabangu 54% ngaphezulu kunokulima ingqolowa yodwa.

Inzuzo yoku Jikelezisa Izityalo

Ukujilelezisa izityalo kunceda ukuphinda kusebenziseke izondlo zezityalo. Umzekelo obalulekileyo zimboti ezifana ne peas, mbotyi, canola ne mbotyi ilupin. Ezimbotyi zine 'zigaqa' (izigaqana ezenziwe yi Rhizobium bacterium) kwingcambu zayo zenza initrogen (N) zenzela isityalo. Ikhona initrogen eninzi emhlabeni kunyaka olandelayo emveni kokuba enye yezi zivuno ziselezityaliwe. Ezinye izityalo ezidinga umoya we nitrogen omninzi zingatyalwa. Iminqathe ayidingi zinongo zininzi kwaye zinga tyalwa kwixesha lokulima lesibini okanye lesithathu emveni kwembotyi.
Ukujikelezisa izityalo kutshabalalisa ukhula nee nkumbi. Izinambuzane zikhetha izityalo ezithile ukubeka amaqanda wazo kuzo okanye zitye kuzo. Izinambuzane ziqandusele amaqanda kwizityalo xa ziyazi kukhona ukutya kombungu xa uqandusela. Xa umvelisi esebenzisa ukujikelezisa izityalo kwindawo ethile yomhlaba rhoqo ngonyaka, ubomi besinambuzane bophukile ngendlela ethile kwaye yindlela elungileyo kwezendalo yokuzama ukulawula izityalo. Injongo kukutshintsha tshintsha izityalo ezingazisi izifo zezityalo ezithile. Indlela eyiyo yokubona izifo zezityalo, ukhetho lesivuno nokuhambisa isifo kubalulekile phambi kokuba ukujikeleziswa kwesivuno kugcwangciswe.

uCwangiso Lojikeleziso Lwezityalo

Tyala xa kumele kutyalwe imveliso ezahlukileyo-tshintsha iimbotyi nezinye izivuno. Njengoko sekutshiwo, izivuno ezahlukileyo zine zidingo ezahlukileyo zesondlo. Izivuno ezine zikhondo ezinde ezifane ne (clover), ingqolowa, ne lurcene kulungile ukuzisebenzisa kuba ibuyisela igalikhi eninzi emhlabeni. Ezizivuno zingasetyenziswa nge migca ukwandisa ukuchuma komhlaba nobume bawo nokogquma umhlaba. Zonke izityalo (kuquka imifuno) zihlulwe ngokwamasapho namalungu wosapho olunye angamaxhoba wenkumbi ezifanayo nezifo ezinye. Lilonke enye akufunekanga ityalwe ngqo emveni kwenye kwihlelo lokujikeleziswa ngezityalo.
Imifuno ingohlulwa kulamaqembu alandelayo:
Iqembu lokuqala A: Ikhaphetshu, kholiflowa, brokholi, ibrokholi ezincinci, amatswele, iliksi (leeks) kunye negalikhi
Iqembu lesibini B: Imininqathe, ibitruthi, ispinatshi, thenipu, bhatata, seleri, radishi
Iqembu lesithathu C: Iitomato, amazambane, ipepa, eggplant, ne lethasi
Iqembu lesine D: Amathanga, Skwashi, tyukhamba, umxoxozi, ne meloni
Iqembu lesihlanu E: iimbotyi ne phizi (peas)
Umzekelo wojikeleziso lwezityalo uhamba ngoluhlobo: hlula intwana yomhlaba ezakusetyenziswa ekuveliseni imifuno, kwindawo ezintlanu. Lima kwindawo yokuqala imifuno ekwiqela uA, eyesibini ezikwi qela uB, okwesithathu ezikwi qela uC, ezesine ezikwiqela uD nendawo yesihlanu ezikwiqembu u-E. Lamaqela atshintsha tshintshe indawo rhoqo ngonyaka.

Translated by Zikhona Plaatjie