Yintoni iListeria?

©Dr Jim Robinson
The bacteria that caused the Listeria outbreak in 2017/2018 in South Africa was never linked to pork. It was caused by contaminated human hands and packaging.
Yintoni eyenza uMzantsi Afrika ubenoqhambuko olukhulu lwe listeria phakathi ko nyaka ka 2017/2018? Listeria monocytogenes – nangona ivakala ingaqondakali kakuhle kwaye isoyikisa – yintsholongwane eqhelekileyo efumaneka kwizi lwanyane nase mathunjini abantu ngaphandle kokubonakalisa iimpawu.
Kodwa ke ingumbulali, kwaye yabulala ngapha kwewaka (1000) labantu ngenxa yokugula nokufa okungapha kwamakhulu amabini (200) koluntu, kuquka abantwana abesele bebancinci kakhulu, abantu abadala abangapha kweminyaka engamashumi asixhenxe (70) nabo babuthathaka ngempilo ibingabona bachaphazeleke kakhulu.
Intsholongwane ye listeria iyafumaneka kokusingqungileyo kwaye kulula ukuyifumana. Intsholongwane ye listeria iza (kakhulu) ngee nkomo, iigusha kunye nee bhokhwe kunye ne hagu, izinja kunye nabantu kwaye iqhelekile kumazwe ane simo sezulu esibandayo. Ubuzaza be ST6 eye satyunjwa njengono bangela ngexesha loqhambuko lonyaka ka 2017/2018 kwaye ayizange yayanyaniswa neehagu apha eMzantsi Afrika. Ngokuqinisekileyo iinyama ezibandayo zazosulelekile ngenxa yezandla zabantu noku pakishwa, kodwa hayi kuba isifo isuka enyameni.

Ingathinteleka njani iListeria

©University of Nebraska-Lincoln Extension
Wash hands every time you work with fresh meat.
iListeria monocytogenes ingabulaleka lula ngokuthi kuphekwe kwaye iyanyangeka ngezibulali ntsholongwane kunye nee antibiotics. Ukuba le ntsholongwane ibikade ingena bungozi iminyaka emininzi kwilizwe jikelele, kutheni lento yathi yaba noqhamko olubi kangaka lwe listeriosis elakhe lakhona kwimbali? Yaba lilishwa lokudibana nezinto ezininzi ezithi zincede ukuqinisekisa ukuphila nokukhula kwayo.
Ezi ziquka:
i-ST6 yayinobungozi (oku kucingelwa okokuba kwenziwa lutshintsho oluncinci) oku kwenza iimpawu ezisuka kumkhuhlane ukuya kusuleleko lwengqondo.
Iyakwazi ukuphila ikhule kwindawo ezinamaqaondo abandayo wesimo sezulu kwaye asivelisi mbala uqondakalayo okanye utshintsho kwi vumba kwi mveliso.
Iyaqhubeka kwi biofilms (icwecwe elibhityileyo lesikhumba elithi livele ngaphezulu, apha phantsi) naku majoni omzimba angxwelerhekileyo akwazi ukuthi alungiswe athi aphinde avuselelwe okanye alungiswe yi ntsholongwane xa imeko ziphinde zalunga.
Esi sifo siyaguquguquka kwaye sitsala ixesha elide iintsuku eziyi (70) phambi kokuba iimpawu zibonakale kwaye lowo usulelekileyo okanye isilwanyana bangabonakalisi mpawu ziqaphelekayo eluqaleni. Ukuchanwa kwesifo noku jonga ukubuya umva ukuze kuchanwe unobangela wosuleleko kubanzima ukuzijonga kwaye oku kutya ixesha.
Konke oku kwenza ilisteria ikwazi ukungena kwimi apho kuxhelelwa khona izilwanyana nendawo ezicola inyama, amakhaya kunye nama khitshi. Xa kunga cocisiswanga kakuhle kwaye isithinteli ntsholongwane singasetyenziswanga kakuhle, intsholongwane eshiyekeleyo iyakhuthis iphinda phindane kwizikhenkcezisi, nakwi ndawo ezishushu kunye ne biofilms, ze igqithise ukwasuleleka apho kuhanjiswa khona iimveliso zisuka apho zilungiswa khona, ze ziye kumakhitshi abathengi.

Iingcebiso Ngococeko Lokutya

©Dr Jim Robinson
When working with raw meat it is best to use smooth cuttingboards as it is easier to clean.
Kukho imithetho ebalulekileyo yokuthintela izifo ukuba zinga noni ngexesha loku lungisa ukutya.
Nabani na osebenza ngenyama ehlaza kufuneka avase izandla zakhe rhoqo.
Zonke izixhobo zase khitshini nemigangatho ekusetyenzewa kuyo kufuneka zicocwe rhoqo: phambi, ngexesha, nase mveni kokusebenza ngokutya.
Ifaskoti ezicocekileyo, ezimbala ukhanyayo, kucetyiswa okokuba kusetyenziswe zona kwabo base benza ngokutya.
Iibhodi zokunqunqela kufuneka senziwe ngezixhoo ezimpuluswa. Zama ungasebenzisi iplanga, kunzima kakhulu ukulicocisisa. Ungaze usebenzise ibhodi enye yokunqunqela, kunye nezixhobo zase khitshini nezitya ezisetyenziswa phambi kokuba kuphekwe okanye sele kuphekiwe ngaphandle koku coca noku bulala iintsholongwane, rhoqo emveni kokusebenzisa.
Sebenzisa isicoci esikhuselekileyo apho kusetyenzwa ngokutya khona, coca usebenzise nesithinteli ntsholongwane ekhitshini lakho. Ukhumbule okokuba ukucoca ngumlinganiselo we 90% - eyona nto ibalulekileyo- xa kuthintelwa usuleleko.
Amalaphu amanzi, awalunganga kwaphela. Ngawona ahambisa iintsholongwane. Kungcono ukusebenzisa amanzi ashushu, namalaphu alahlwayo xa kusomiswa nokupurwa kwezitya.
Gcina ikhitshi licocekile oku kwesibhedlele. Phantsi, amadonga, iitafile, imigqomo, izikhenkcezisi ingakumbi indawo zokubambelela emacangweni, kufuneka zicocwe rhoqo.

Translated by Zikhona Plaatjie