Unkcenkceshelo

©Louise Brodie
Pivot Irrigation.
Unkcenkceshelo yindlela yokugalela amanzi emhlabeni ekutyawe kuwo izityalo. La manzi angahamba ngemibhobho, imingxunya okanye imisele, ukulungiselela ukunkcenkceshela iindawo ezilinyiweyo ezingenamvula zaneleyo zokukhulisa imveliso yezityalo.
Njengokuba inani labantu abasehlabathini liya lisanda, izinto zendalo ziyaxhatshazwa kwaye ziphantsi koxinzelelo. Amanzi acocekileyo sele eyeyona nto ibalulekileyo emva kwamanzi acocekileyo. Ngoko ke, kubalulekile ukuba kwenziwe iindlela ezintsha zokonga amanzi, kodwa ezikwaziyo ukunika iimfuno zolimo oludingekayo.

Iindidi Zendlela Zokunkcenkceshela

Iindidi eziphambili zonkcenkceshela zichazwe zaza zabonakaliswa nangemifanekiso apha ngezantsi.

Unkcenkceshelo Lwesikhukhula

©Louise Brodie
Flood Irrigation.
Kulapha amanzi asiwa entsimini ngemisele, az ayekwe adame kumhlaba wonke olinyiweyo. Le yindlela endala kwaye sele inamakhulu khulu eminyaka isetyenziswa.
Iyinkcitho eninzi ke kodwa, kwaye sele iyekwa ngoku ukusetyenziswa ngenxa yokunqaba kwamanzi. Le ndlela yokunkcenkceshela ayilunganga ncam kuba inokukhokelela emhlabeni odame amanzi.

Unkcenkceshelo Lwesitshizi

©Louise Brodie
Rainbird Sprinklers.
Kulapho amanzi atyhalwa yimpomo ukuze aphume kwintloko esisitshizi enama 35 PSI (pounds per square inch – indlela yokumeta uxinzelelo lwamanzi). Lamanzi atshizeka kulomhlaba utyaliweyo. Ezona zitshizi zixhaphakileyo zii-Impact Sprinklers, nezi jikeleziswa luxinzelelo lwamanzi. Oku kwenza kubelula ukuba zinkcenkceshele imihlaba emikhulu.

Unkcenkceshelo lwe Centre Pivot

©Louise Brodie
Wheat with Pivot Irrigation.
Le yindlela yokunkcenkceshela ehamba ngombane okanye ngomtshini. Esi sitshizi sinamavili athi xa ejikeleza umbhobho waso unkcenkceshele kweyona ndawo ikude. Ingajikeleza ngesangqa. Izitshizi ezisesiphakathini zibazincinci, zikhuphe amanzi amancinci, ze ziye zibazikhulu zikhuphe namanzi amaninzi ngokuya zihambela/zibhekela. Esona sitshizi sikhulu seso sikumbhombho othe qelele nentloko ophuma kuyo. Lo umbhobho ujikeleza ngesantya esiphezulu phezu komhlaba ngoko ke namanzi amaninzi ayatshizeka kumhlaba wonke ngokwaneleyo.

Unkcenkceshelo lwe Micro-drip Irrigation

©Louise Brodie
Drip Irrigation.
Le ndlela ibonwa njengeyona yonga imali kwaye isebenza ngendlela ukodlula zonke ezinye. Kusetyenziswa yona ngoku kakhulu, njengokuba amanzi aye exhaphaka. Ngonkcenkceshelo lwe drip, uxinzelelo lwamanzi luphantsi kakhulu. Uxinzelelo oludingekayo luphakathi kwe 15 kunye nama 25 psi.
La manzi aphuma kwii drippers nezikhupha amaqabaza amanzi awela ngqo emhlabeni, lamaqabaza awela kanye kwezindawo zinengcambu kufutshane nesiqu.
Kwezinye iindawo, imibhobho ifakwa phantsi komhlaba ukuze amanzi aphumele ngqo ezingcanjini zesityalo, nto leyo yehlisa nolophu ize yehlise nokukhula kokhula ngakwisityalo.
Xa usebenzisa lendlela yokunkcenkceshala,amanzi akho kufuneka acoceke, kuba kwantlenge okanye intsalela ezingene emibhobheni zizaku vingca imingxunya emincinci ekulemibhobho. Oku ke kubanzima ukukugada, ukuba yonke imibhobho yakho iyasebenza.

Unkcenkceshelo lwe

©Louise Brodie
Micro-spray Irrigation.
iMicro-spray ibukufana ne sitshizi sokunkcenkceshela kunye ne micro-drip. Inemivuzo ethile neziphako ezithile zazo zombini ezindlela zokunkcenkceshela. Kanye njengo nkcenkceshelo lwe drip, unkcenkceshelo lwe micro-spray lusebenzisa uxinzelelo oluncinci.
Iyakwazi ukusebenza ngoxinzelelo oluphakathi kwe 15 ukuya kuma 25 psi.
Unkcenkceshelo lwe Micro-spray lumanzisa indawo enkulu kunonkcenkceshelo lwe drip. Oku kwenza lendlela ilungele ukunkcenkceshela imihlaba etyalwe imifuno, kunye nemihlaba enesanti nefunxa kakhulu amanzi.
Ulophu lubaluninzi, kwaye ayifani ne drip, olunkcenkceshelo lwandisa ukukhula kokhula ngakwiziqu zezityalo zakho.

Translated by Zizipho Silwana