uNelson Mandela no Sarafina

© Dr Peter Magubane
uNelson Mandela edibana nomdlali weqonga owayesakuba kumdlalo i”Sarafina”
Sarafina! Ngumdlalo weqonga onengoma wase Mzantsi Afrika owawubonakalisa ngoqhanqalazo lolutsha eSoweto ngomhla ka 16 June ngonyaka ka 1976 kwaye wawubalisa ngabafundi nengxenye yabo koluqhanqalazo. Babesilwa nengcinezelo, nokufundiswa ngolwimi lwesibhulu (Bantu Education Act). uSarafina wayebhalwe ngu Mbongeni Ngema ngo 1988. Ngonyaka ka 1992, waye wenziwa umfakiso bhanya bhanya ngegama elinye, umdali weqonga u Whoopi Goldberg wayekhona kulo mdlalo. Lomdlalo wabonakalisa ubomiphantsi korhulumente wengcinezelo eMzantsi Afrika, bayenza wabukeleka, kwaye yangumdlalo weqonga obukelekayo. Kulo mfanekiso, uNelson Mandela udibana nomdlali weqonga owayekhona kulondlalo.

“Maxa wambi, iwela kwisizukulwana ukongamela. Usenokuba seso sizukulwana songameleyo. Vumela ubungangamsha bakho buchume.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more