uNelson Mandela no Kenneth Kaunda badibana eZambia

© Dr Peter Magubane
uNelson Mandela no Kenneth Kaunda badibana eZambia
uKenneth Kaunda wayengu Titshala owaba ngowe politiki eZambia. Waye litsha Ntliziyo eliphambili kumzabalazo eZambia, ukuze ikhululeke kulawulo lwase Britane. uKaunda wayengu mongameli wokuqala we Zambia ezimeleyo waze wonyulwa ngo 1964, Wasebenza iminyaka emngamashumi amabini anesixhenxe, kwaye wayesaziwa ngokuzinikela kwakhe nokuchasa ingcinezelo.
uMandela wathabatha uhambo lwe Afrika emveni kokuphuma eluvalelweni ngo 1990, wandwendwela undlu nkulu we ANC eLusaka, eZambia wadibana no Kaunda. Akazange asivume isicelo sika Kaunda sokuba i-ANC ijonge okungcono kurhulumente, ingaqhubeki nomzabalazo oxhobileyo. uMadiba waphendula wathi: Kucacile oko kuba urhulumente akaka kulungeli ukudibana nathi, kwaye nawe awunakulindela okokuba sicenge urhulumente”.

“Ndandisazi ngaphezu kwayo yonke into ukuba umcinezeli kufuneka akhululwe kanye njenga lowo ucinezelweyo.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more