uMongameli uNelson Mandela ne Lungu le ANC uNjengele Andrew Masondo

© Dr Peter Magubane
uMongameli uMandela kunye nelinye ilungu le ANC uNjengele Andrew Masondo. Omabini lamadoda anxibe isinxibo soMkhonto Wesizwe (MK) namalungu bedibanela kwibala lebhola elise Orlando ngale mini.
Phakathi kunyaka ka 1961, iinkokheli zombutho iAfrican National Congress (ANC) zadibana bucala zathatha isigqibo sokuba kubekho Umkhonto Wesizwe (MK), ukuhlasela urhulumente wengcinezelo. uMandela wabekwa ezintanjeni. Isigqibo sasinomthetho othile- kuzakuhlaselwa intlupheko, kwaye akuzubulawa mntu. Oku kwaku phezu kwenkolo ye ANC yomthetho ka Mahatma Gandhi echasene nobundlobongela, okwesibini kumbono woku bulala abamhlophe kuzakubenza boyike ngakumbi ukulawulwa sisininzi. Ngaphandle kwemithetho embalwa, lomthetho wasetyenziswa iminyaka yamashumi amathathu. Nomthetho omtsha uMandela wahamba kakhulu eAfrika waya eBritani nase Soviet Union.
Urhulumente waye jonge ngamehlo abomvu ukubuyela kwakhe, kodwa wabuya engaqaphelwanga, ngoko ebuya e Bechuanaland, ngoku eyi Botswana. Iziphatha mandla zase Britani phaya zasisazi ngqo umzuzu, nendawo azakungenza kuyo eMzantsi Afrika, kodwa azange bachaze ePitoli. Ndaxelelwa ngumphathi omkhulu wezokhuseleko, uGerry Forrest, ndamkholelwa kuba ndandisazi kudliwano ndlebe olu dlulileyo okokuba akawaboneli ntweni amapolisa asemZantsi Afrika kwaye wayengabathandisisi abantu aphangela nabo ngenxaye ndlela abacinga ngayo. Enye into eyamcaphukisayo kuxa wayeqhuba esiza eMzantsi Afrika ipolisa kwi bhoda lamxelela okokuba avule imoto ngaphambili, wabuza ‘ucinga ndifihle uMandela kwi injini ye moto’? Wabuza ke ngesigezo. Ngo August ngo 1962, uMandela wabanjwa usiya eNatal, watshutshiswa, wagwetywa ngokwenza uqhushululu nokushiya uMzantsi Afrika ngoku ngekho semthethweni.

“Uma ngaphambili xa kukho ingozi. Ngoko ke abantu bayakubu bulela ubunkokheli bakho.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more