Izichumisi zine zondlo ezininzi kunye nentsholongwane zomhlaba kwaye yingxenye ebalulekileyo yoku tyebisa umhlaba kwizilimo ezinga xutywanga. Izichumisi ziphezulu ngokuchumisa nokuvelisa izityalo ezingaxutywanga. Okuphilayo kunceda ukugcina umhlaba ufumile ixesha elide. Xa umvelisi engenazichumisi zaneleyo zininzi iindlela ‘zokuzandisa’ – izichumisi zingasetyenziswa njenga maxolo okanye zifakwe emhlabeni zijikeleziswe kwintyatyambo, hayi kulendawo yokulima.
Umgquba wezilwanyane uye usetyenziswa xa kulinywe izityalo ezingangxengwanga ‘organic’ kuba lomgquba utyebile kwi zondlo zezityalo kwaye ziyaphila. Umgquba ongalungiswanga ungazitshisa izityalo kwaye awukwazi ukusetyenziswa kwizityalo ezizakutyiwa ngabantu, iziqhamo nemifuno. Ingasetyenziswa emadlelweni, izivuno ze oli nentyatyambo zokuhombisa. Isizathu soku kukuba kukho iintsholongwane eziyingozi kulomgquba ezinokwenza izifo eluntwini. Nawuphi na umgquba wezilwanyana osetyenziswayo mawucocwe kakuhle.
Umgquba oyekiweyo okwexeshana uyekwe uqhekeke kwisicuku somgquba singasetyenziswa kwimveliso yeziqhamo ne mifuno. Xa umgquba wezilwanyane usetyenziswa njenge sichumisi, kuvuneka umlinganiselo owaneleyo we zityalo ezityebileyo kufuneka umlinganiselo owaneleyo ufakwe (ngesiqhelo carbon: nitrogen umlinganiselo we 30:1 ungasetyenziswa) ukuqinisekisa ukuphula iintwanantana ukuze umlinganiselo ulingane. Ngaphantsi kwemeko ezinomoya oxygen ‘aerobic’ iintsholongwane ziye zehle ngoku khawuleza kune ndawo engena moya.
Kuba izicuku ziya zijikwa rhoqo, nobushushu buvumelekile ukufika ukufika ku 55 degrees iiveki ezimbini, izinga lentsholongwane lingehla de zingabonakali. Kwi Salmonella, nkqu amaqondo obushushu aphantsi onele xa umlinganiselo we carbon: nitrogen ungaphantsi ko 20:1. Akuncedi ukujika jika na namaqondo obushushu aphezulu yenza kulahleke initrogen nge NH₃ – Umphunga. Umgquba osemntsha awukwazi ukusetyenziswa kwizityalo ze ujikeke ubesisichumisi/ntsholongwane elungileyo kumhlaba.
Lendlela ke ibopha izondlo ezithile kwaye ingalehlisa izinga le sondlo (okomzuzwana) elikhoyo kwizityalo. Ukongeza, ingongeza kwizinga leenkumbi ezifana nonokrwece neentethe ezilumayo. Umvelisi kufuneka avumele umzimba ogunyazisayo wazi xa kusetyenziswa umgquba wezilwanyane. Uhlobo lwesilwanye eso umgquba waso usetyenziswayo kuyafuneka sichazwe saziwe.
Kuyafana kukutya kwamathambo, ukutya kweempondo, kwe gazi, njalo njalo. Alikho ilindle (lomntu) elivumelekileyo kwezolimo. Ilindle lezilwanyana olusuka kwindawo zokuthengisa ezidlisa izilwanyane neendawo zokugcina iinkukhu efama azivumelekanga naphantsi kweziphi iimeko.
Lulimo oluluqilima, kusetyenziswa iikhemikhali (antibiotics ne hormones) azivumelekanga ukuhamba hamba nje yiyo lonto umgquba osuka kwindawo zokutyisa izilwanyana ungavumelekanga kwezolimo ezingaxutywanga (organic).
Translated by Zikhona Plaatjie