Umfanekiso Ocacileyo Ngomsebenzi ka Dr. Peter Magubane

Ekupheleni Kwiminyaka yo 1950

Buyela ke umva ngexesha no Dr. Peter Magubane, ekupheleni kweminyaka yo 1950. Wenza adume ngazo elizweni jikelele. Ebesanda kwenza owona msebenzi mkhulu kwimisebenzi akhe wayenza. Kumbutho we African National Congress (ANC), ewenzela iDrum magazine. Umhleli uTom Hopkinson ekhangeleka ekholiseke kakhulu ngumsebenzi walendodana iseze ngobuso ezweni. UPeter ke uzaqhubeka esebenza ngoku veza indaba ezifihlakeleyo naba bhali be drum, enje nge ‘Nude “Pass” Parade’ eveza ngenkqubo yama pasi ejongela phantsi abantu abanyama ne mpatho mbi yabantu abamnyama eMzantsi Afrika.

Kunyaka olandelayo, uPeter waphumelela kwi ndawo yokuqala neyesithathu kukhuphiswano lokufota. Umfoti omhlophe owathatha indawo yesibini kukhuphiswano zange avume ukuxhawula izandla no Peter. Ngaphandle kwe nkqubo yengcinezelo yela xesha, umsebenzi obalaseleyo waqala. Ngexesha elinye, indawo iSophiatown yayingcoliswa, ingaphathwanga kakuhle ngenxayo dlame. Nezinye intsapho, wanyanzeliswa ukuba bahambe bayohlala eDiepkloof.

Ukuthatha Imifanekiso Yeziganeko Ezibalulekileyo

Ngeminyaka yo 1960s no 1970s ulutsha kwezinye indawo zehlabathi lwabhiyoza lu bonakalisa imincili yenkululeko ngomculo noqhanqalazo. Esekhayeni lakhe umfoti-ntatheli ekwiminyaka yamashumi amathathu (30) usebenza ngesiganeko esibalulekileyo esinje nge “Sharpville Massacre”. ‘Andizange ndibone abantu abaninzi abangako abaswelekileyo’ – esebenza ngayo ne Rivonia Trial esebenzela I-Drum Magazine.

Iminyaka yo 1980 ivula Amasango Kumazwe Jikelele

Iminyaka yo 1980’ yavula amasango ku mfoti-ntatheli uDr. Peter Magubane. Umsebenzi awawenzela iUnited Nations High Commissioner for Refugees wawenza wanda umsebenzi wakhe kwi Afrika iphela. ‘Ngoku fota, ndibone iindawo ezininzi kwilizwe jikelele’ uyachaza. Ukuthatha imifanekiso yentlupheko kumazwe anje nge Somalia ne Ethiopia kwiminyaka elishumi ‘ikubetha Kanye ebunzi’.

Ngexesha elinye usebenzela iTimes magazine eMzantsi Afrika. Kweminye yemisebenzi ngonyaka ka 1985, wasebenza ngothatha imifanekiso kumngcwabo womntwana wesikolo eNatalspruit. Xa udlame luqhamka ngalomini wadutyulwa amatyeli alishumi elinesixhenxe (17) ngezantsi kwesinqe nge buckshot. Wabuya ke ngokukhawuleza ngonyaka ka 1986, wahlangula umama ne ntombi yakhe kwinginginya yabahlali ababeno msindo eLeandra.

Umfoti ka Nelson Mandela Osesikweni

Ngonyaka ka 1990 uDr. Peter Magubane utyunjwe nje ngomfoti ka Nelson Mandela ngokusesikweni ukuchaza nokubonisa uhambo lweminyaka emine (4) ukuya enkululekweni. Uhlobo lwe “mifanekiso yezopolitiko” endandiwenza ngexa bese ntolongweni wandilungiselela okokuba ndikhethwe nje ngomfoti oyakuthi alandele uMandela apho ayakhona de kufike ilixa apho anyulwa khona njengo Mongameli wo Mzantsi Afrika.

‘Ndandi chulumance’! uyabalisa ehleka uPeter. ‘Yintoni engaphezulu ebinokufunwa ngumfoti ngaphandle kokubizwa nokulandela ubomi bengcwalisa?' kwakumnandi ukuchongwa kuba foti abaninzi ukulandela lendoda iligokra. Ndayazi nje okokuba kufuneka ndizame ngako konke ukubonakalisa ubomi bakhe Kanye ngalendlela ndibubona ngayo, de yabalilixa atyunjwa ngalo ukuba ngu Mongameli.

Imbasa Ezininzi Zamazwe Jikelele

UPeter ke washicilela incwadi ezilishumi elinesithandathu (16), ezintathu (3) zavalwa kweli loMzantsi Afrika ngeminyaka yo 1970 no 1980s: Magubane’s South Africa, Black as I AM and Black Child. Ngomsitho wokubhiyozela umsebenzi ka uDr. Peter Magubane kwavela intetha ethi ‘Inqwelo moya ezininzi zithatha indawo encinci kunomsebenzi ka Magubane wokubonakalisa imifanekiso eyedwa!’ Izahloko zakhe nazo zohlukile zimbaxa, ukusukela kwinkcubeko ukuya ku Mzantsi Afrika nobomi ngapha kwe Nkululeko eMzantsi Afrika.

Kwezimbasa zininzi zamazwe jikelele athe wazifumana uPeter, ikhona imbasa eyodwa enendawo yegugu kwindawo abeka kuyo iimbasa zakhe: The Order for Meritorious Service Class ll, awathi wayifumana kowayengu Mongameli uNelson Mandela ngonyaka ka 1999. ‘Ndifumene imbasa ezininzi ngokufota kweli lizwe ngeminyaka yo 1950 ukuyo kuma kwimbasa zelizwe jikelele kunye nembasa ze Life Achievement Awards, ‘kodwa le ndayifumana ku Madiba yeyona isenyongweni kum’. Xa unembasa esuka kwi ndoda ehlonipheke nje ngoMandela-yintoni enye onokuyifuna?‘ utsho ebobotheka.

Translated by Zikhona Plaatjie

Peter Magubane's Career

UPeter Magubane, umfoti owaziwayo kwaye obhiyozelwayo kweli loMzantsi, wagqitha kubo bonke ubunzima. Ushicilele wathatha imifanekiso yemini ...more