uMadiba undwendwela Ingcwaba lika Mama Wakhe eQunu

© Dr Peter Magubane
uWinnie no Nelson Mandela ebambe (uBambatha) eQunu, kwikhaya lika Madiba eQunu, apho kwakusaziwa nje nge Transkei. UMandela wayendwendwele ingcwaba lika mama wakhe owaye sweleke ngethuba eseluvalelweni.
uWinnie, Zindzi no Nelson Mandela (ba bambe uBambatha, umzukulwana wakhe) eQunu. Ikhaya lika Madiba apho kwakusaziwa njenge Transkei, ngoku yaziwa njenge Mpuma Koloni. uMandela ngelishwa wayeselu valelweni kwisiqithi sase Robben Island xa umama wakhe, uNoqapho Nosekeni walandulela eli ngonyaka ka 1968. uNelson Mandela akazange avunyelwa ukuya emngcwabeni kamama wakhe, oku kongeza kubuhlu owayebuva. Njengo nyana omdala, yayiluxanduva lwakhe uMandela ukungcwaba uMama wakhe.
Kulo mfanekiso uMandela usendleleni eya kwingcwaba lika mama wakhe, eyakubeka imbeko kumfazi owayemthanda kakhulu.
Emveni kweminyaka ngo 2011, uNoqaphi Nosekeni wongwa ngoku vuselelwa kwe cawe yama Wisile eyayiqalwe nguye kwikhaya elikwi lali yase Qunu.

“Ayikho into efana nokubuyela kwindawo engatshintshiyo ufumanise indlela wena otshintshe ngayo.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more