uMadiba no Makhenkesi Arnold Stofile, kumgcwabo ka Walter Sisulu
uMadina no Makhenkesi Arnold Sitofile kumngcwabo ka Walter Sisulu eOrlando Stadium.
uWalter Ulyate Max Sisulu wazalwa ngo 1912, wayelitsha ntliziyo elichasene nengcinezelo, ilingu le African National Congress (ANC). Wasebenza njengo sihlalo no sekela Mongameli we ANC ngexesha lakhe nombutho. Ngelishwa uWalter Sisulu wasweleka ngomhla we 5 May ngo 2003 eneminyaka eyi 91, kwizandla zenkosikazi yakhe uAlbertina.
Kulo mfanekiso ubonakalisa, uNelson Mandela no Makhenkesi Arnold Stofile kumgcwabo ka Walter Sisulu eOrlando Stadium nge 17 May 2003. Abaninzi abahloniphekileyo bawuzimasa lomngcwabo, uSisulu wangcwatywa eCroesus Cemetry eNewclare, eGoli. Izithethi ezathetha kwinkonzo ngu Thabo Mbeki, Nelson Mandela no Archbishop Desmond Tutu.
“Into ebalayo ayikokuba siphilele qha. Ngu mahluko esiwenzileyo kubomi babanye ochaza ukubaluleka kobomi esibuphilileyo emhlabeni.” ~ Nelson Mandela
uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...
moreuMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...
moreuMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...
moreuMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....
more