uMadiba kwi Khaya Lakhe kwa numba 8115 eOrlando West Soweto
uMadiba kwi khaya lakhe kwa numba 8115 Orlando West, kwi kona ye Vilakazi nesitalato iNgakane eSoweto.
‘Ngobusuku ndabuya no Winnie kwa number 8115 eOrlando West. Ndayiqonda ngoko entliziyweni yam okokuba ndimkile entolongweni. Kum unumba 8115 yayi yindawo ebalulekileyo ebomini bam, indawo yayi no ‘X’ entliziyweni yam.
uNelson Mandela wayokuhlala eOrlando West ngo 1946 xa watshata inkosikazi yakhe yokuqala, uEvelyn Ntoko Mase. Baqhawula umtshato emveni kweminyaka elishumi nanye yeminyaka. Ngo 1958, unkosikazi wakhe wesibini, uWinnie Madikizela wayo kuhlala khona.
Indlu ka Mandela eGoli, yayakhiwe ngu rhulumente ngo 1945, ayine samente, nephahla lenkcenkce, ikhitshi elincinci, nendlu yangasese ye pheyile ngemva. Ikamere yayi ncinci ibhedi enkulu yayi yigqiba yonke indawo.
Mveni kokuphuma entolongweni ngo 1990, wabuyela endlini intsuku ezili shumi nanye phambi koku yokuhlala eHoughton. Esephaya wadiba nabahlali, nosapho wathetha nabendaba bamazwe jikelele. Namhlanje indlu yakhe liziko lokubonisa nge mvelaphi, ejongwa yi Soweto Heritage Trust.
“Asiyifuni inkululeko ngaphandle kwe sonka, sikwa ngasifuni isonka ngaphandle kwe nkululeko.” ~ Nelson Mandela
uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...
moreuMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...
moreuMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...
moreuMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....
more