Ukusenga Iinkomo zo Bisi

Ukulungisa Inkomo xa Izakusengwa

©Chris Daly
Ubisi luyaveliswa lugcinwe emabeleni. Lungakhutshwa emabeleni kuphela ngentsebenziswano esukwa enkomeni. Oku kuxhomekeka kwindlela inkomo ephethwe ngayo phambi kokuba isengwe. Iinkomo kufuneka zilungiswe ukuze ubisi lwehlise. Ukwehlisa kobisi kuqala xa iinkomo zisiziswa apho kusengwa khona, apho kwenziwa ingxolo ngoku ngathi kuyasengwa njengokuba kuhanja- hanjiswe iinkonxa zokusengela.
Oku kwenza ingqondo yenkomo ivulele ubisi nge, oxytocin, ukuya egazini. I-Oxytosin yi homorne ne neurotransmitter ebanda kanyekayo ekuzaleni nase kuncanciseni. Xa i-Oxytocin ifika emabeleni, yenza amajoni omzimba we epithelial angqonge ubisi (alveoli) apha ebeleni adibane, enyanzela okokuba ubisi luphume kwimigqobho yengono.
Imigqobho yengono, amabele kunye neengono zigcwala lubisi. Ubisi lwehlise, inkomo ingasengwa. Ukwehla kobisi kuphazamiseka xa inkomo isoyika, isezintlungwini okanye inomsindo. Oku kwenziwa kuku vulela ihormone i-adrenaline, oku kunqanda ukuvaleleka kwe Oxytoin.

uKuvasa Noku Cudisa Iingono

©Chris Daly
Amabele neengono zenkomo kufuneka zihlanjwe phambi kokusengwa ukuthintela usuleleko lobisi. Usuleleko lwehlisa ixesha elinokugcinwa ngalo kwaye luhambisa nezifo ebantwini. Ukucudisa ngesandla amabele kuquka ukuvasa iingono namabele i30 ukuya kwi 40 seconds, oku kusebenza njengoku lungisa inkomo xa izakusengwa, yenza izinga le oxytocin eliphezulu egazini.
Iintlobo zenkomo ziyohluka indlela eziye zive ngayo le yokucujwa kwamabele. Inkomo iHolstein (ezivelisa phezulu) kulula ukuzivuselela kunezinye iintlobo (kuba kukho ucinzelelo emabeleni). Iintlobo zenkomo iZebu ezifana ne (Brahman, Afrikaner kunye ne Nguni) akukho lula ukuzivuselela ngaphandle kokuba ithole lincance kuqala.
Ukukhupha ubisi oluninzi, ukusenga kufuneka kuqalwe kwi 40 ukuya kwi 60 seconds emveni kokuvuselelwa. Ukulibazisa phakathi kokuvuselelwa nokuqala ukusenga kunganeziphumo ezingancomekiyo kumlinganiselo wobisi. Ungalongeza ixesha lokusenga, noxinano kwingono kwaye inganqumla ixesha lokuncancisa ngenxa yokuba ibisele isengiwe imithetho yaphambi yokusenga iyalandela: sebenzisa amanzi ahambayo ukuvasa nokucoca iingono namazantsi ebele.
Emveni koko, yomisa amabele usebenzisa iphepha letawula, sengela ingono nganye phantsi kwindawo emnyama (komityi ye mastitis) ukujonga amahlwili nokususa iintsholongwane apho kuphuma khona ubisi. Amahlwini ebisini abonakalisa ubukho be mastitis okanye usuleleko lwebele. Xa amahlwili engekho, kungasengwa ngesandla okanye ngokusebenzisa umatshini wokusenga.

Ukusenga Ngesandla okanye ngo Matshini

©Chris Daly
Ukusenga ngesandla, ubisi luphuma kwingono ngoku yicudisa ngeninwe, ukususela kwibele phezulu. Kuqhelekile ukutsala ingono. Qala ukutsala phezulu ebeleni ze uhle nalo. Ukwehlisa uxinano, thambisa iingono ngobisi okanye nge crimu ene lanolin. Umatshini wokusenga ususa ubisi ebeleni ngesixhobo esifunxayo.
Lendlela lomatshini wenza ngayo xa ithole lincanca, umzekelo ukufaka isifunxi, wakugqiba uyeke ukuvumela umoya uphinde ubekhona. Xa ubisi lusehla xa kusengwa ngo matshini, kungehliwa umatshini ukusenga ubisi lokugqibela ebeleni. Kugqitywa ukusenga xa ubisi lungasaphumi okanye xa amabele ethambile kwaye ejinga.
Emveni koku senga, coca ukhusele lendawo isekugqibeleni kwi ngono ngokufaka isikhuseli zifo eziqatywa emveni kokusenga okanye idiphu yengono. Nika iinkomo ukutya ukuze ziqhubeke zimile njengoko ingono ziqhubeka zivulekile ixeshana emeni kokusenga. Oku kukhusela usuleleko olwenza intsholongwane ingangeni kumgxuma wengono.

Translated by Zikhona Plaatjie