Ukunkcenkceshelwa kwama Dlelo

© U.S. Geological Survey
Uwankcenkceshela nini amadlelo kwaye ngamanzi angakanani adingekayo? Okanye ingca kunyanzelekile uyinkcenkceshele? Kuxhomekeka kwindawo, imvula inganikeza ukunkcenkceshela okwaneleyo ngokufuma kwintlobo ezithile zesivuno, kodwa kumaxesha wesimo sezulu esitshintshayo, ukunkcenkceshela ngoku kudinga ukudibanise nemvula.
Amanzi amaninzi, ngaphandle kokuba yincitha namaxabiso aphezulu, angakhupha izinongo enze ukudama kwamanzi emhlabeni. Koda kwelinye icala, amanzi amancinci angalibazisa ukukhula kwedlelo.

Imfuneko Zonkcenkceshelo lwe Sivuno kuma Dlelo

I-Clover
I-Clover ikhuliswa kwindawo ezilungele imveliso ye ryegrass.
Iclover ebomvu nemhlophe idinga ama 800 mm wemvula nangakumbi namanzi. onkcenkceshelo: 25 - 50 mm ngeveki. Ayikwazi ukumelana nembalela.
Ibalansa clover ingakhula hantsi kwama 350 mm wemvula ngexesha iBerseem clover yona idinga imvula engapha ko 600 mm, okanye ngaphantsi xa incediswa ngoku nkcenkceshela.
I-Cock’s foot
I-Cock’s foot ikhula kakuhle kwisimo sezulu esipholileyo esine mvula engapha ko 900 mm. Ikhula kakuhle xa inkcenkeshelwa kodwa hayi kakuhle njengezinye izivuno.
Eragrostis tef
Ayidingi ukunkcenkceshelwa itef kuba ikhula kakuhle kumhlaba owomileyo okanye kwindawo imvula engapha ko 400 mm.
Fescue
I-Fescue ikhuliswa kwindawo ezine mvula eninzi kwaye nokunkcenkceshelwa kuyanceda ngenyanga zase busika ezomileyo kwindawo ezinemvula yase hlotyeni. Ilungele ukutyalwa kumhlaba onodaka okanye omanzi.
Ingca iFoxtail buffalo
Iyanyamezela kakhulu kwimbalela, ifoxtail ingakhula kwimeko ezine mvula ephakathi ko 100 mm – 1 000 mm yemvula ngonyaka, kodwa ayikwazi ukumelana nomhlaba odame amanzi.
Phantsi konkcenkceshelo, iforage ingavunwa ukuya kumatyeli alishumi ngexesha lonyaka ulinde ixesha lentsuku eziyi 35 ukuya kweziyi 40 phakathi kokuvuna.
Ingca iGuinea (Panicum maximum)
Idinga ngapha kwama 500 mm wamanzi ngonyaka ukuze ikhulise isivuno esibonakalayo iGuinea grass.
Ingca iKikuyu
Idinga imvula engapha kwama 750 mm kwimveliso ye kikuyi, kodwa ingakhula kwindawo ezinemvula encinci apho ke kudingeka ukongezwa imfuno zamanzi ngokunkcenkceshela
Lucern
Ilungele amadlelo akumhlaba owomileyo, anemvula engaphantsi ko 500 mm, umyinge we Lucerne ubangcono xa inkcenkceshelwa.
Paspalum
Ingankcenckeshelwa okanye ikhuliswe kumhlaba owomileyo apho imvula noko ifikelela ku 650 mm.
Ingca iRhodes
I-Rhodes iyazikhulela kwimimandla eyomileyo yephondo lase Mpuma Koloni kodwa iyakhula nakwindawo ezine mvula engu 400 mm – 1 000 mm.
Ryegrass (Ngonyaka)
Ayikulungelanga ukuveliswa kumhlaba owomileyo. Iryegrass kufuneka ikhuliswe kwindawo ezine mvula yehlobo engapha ko 1 000 mm. kuyacetyiswa ukunkcenkceshelwa kuninzi lwentlobo zomhlaba ngu 25 mm rhoqo ngentsuku eziyi 4 – 5 xa zityalwe ngenyanga ka January okanye February kuphinde kufumaneke 25 mm ngeveki ngalo lonke ixesha lokukhula kwayo.
Ryegrass (ikhula nanini)
Ilungelwe ukuveliswa kwindawo ezipholileyo, apho imvula ikhona ixesha elininzi kwaye ingapha ko 1000 mm.
Ingca i-Smuts fingers
Iyazithanda indawo ezomileyo, kwaye ikhetha imvula zase hlotyeni ezingapha ko 500 mm. Ayiwulungelanga umhlaba odame amanzi.
Amazimba
Isisivuno esinyamezelayo kwi mbalela, amazimba alungele amadlelo akumhlaba owomileyo okanye apho imvula ingu 400 mm nangaphezulu.
Babala okanye iPearl millet (Pennisetum glaucum)
Nayo sisityalo esinyamezela imbalela, ibabala ilungele amadlelo akumhlaba owomileyo okanye apho imvula ingu 400 mm nangaphezulu. Ayidibani nemihlaba emanzi.
Weeping lovegrass (Eragrostis curvula)
I-Lovegrass ithanda imihlaba engaxinenanga nemvula engapha ko 650 mm kodwa ingakhula kakuhle kwimvula engu 450 mm. kungcankcenkceshelwa ukuncedisana nemvula.

Ungawa Nkcenkceshela nini Amadlelo

©Chris Daly
Ukuphinda phindwa kokunkcenkceshela kuxhomekeke kuhlobo lwesityalo, ukufumaneka kwamanzi, ubungakanani bamanzi emhlabeni, ubungakanani bokuhamba bamanzi ngokunyuka emoyeni kunye nobude bengcambu zezityalo ezikwi dlelo. I-Water Research Council (WRC) icebisa unkcenkceshela rhoqo, umhlaba mawulinganiswe nomhlaba kwingcambu zedlelo.
Ngoku phandle, oku kuthetha okokuba unkcenkceshela ixesha elide, kodwa hayi rhoqo. Amaxesha amaninzi, unkcenkceshelo lwenziwa kade oko kwenze ukulibaziseka ekuchumiseni kwe nitrogen. Ngesiqhelo, isichumisi siyafakwa emveni kokuba imfuyo ityile kwidlelo okanye kunqunyulwe ingca phambi kokunkcenkceshela.

Translated by Zikhona Plaatjie