Ukukhula Kwama Pedi nganye

Umtshato

©Dr Peter Magubane

Njebanye abantu abathetha iilwimi ze Bantu, umtshato wama Pedi (lenyalo) abavumi ngo kusesikweni phakathi kwabantu ababini: ngumba oxhalabisa iqela, ukuvuma ngokuse sikweni phakathi kweentsapho. Eneneni, iquka ukuhanjswa kwemali (magadi) esuka kwizizalwane zomyeni eya kusapho luka makoti.

Usapho luka makoti lunikeze ngokuphandle imvume yenzala kamakoti endaweni yomyeni (bogadi), yiyo lonto bezinikele kumyeni kunye nezizalwane zakhe kuzalisekisa xa kuzelwe umntwana. Umtshato wawunyanzeliswa ngokwesintu sama Pedi. Wawusenziwa ngoko mthetho kwaye ungenanto kwenza nezenzo zenkolo.

Akufani ke nezithethe enziwayo kulwaluko, umtshato wawungatshintshi ubume buka makoti okanye umkhwenyana, kodwa ubusandisa ukwaziwa kwabo njengabo bolukileyo badala phakathi kwama Pedi. Ukutshata Kwaku semthethweni, kwakusandisa amandla, izinyanzeliso kunye nemisebenzi yamagunya esele bewafumene.

Izibulo kuma Pedi

©Dr Peter Magubane

Ukuzalwa komntwana wokuqala kuma Pedi yayiyinto ebalulekileyo: yayingeko kongezeleka kosapho kuphela, kodwa yayithatha umama imbeke kwinqanaba eliphezulu. Ukongeza, yayigqibezela iimfuneko zosapho lukamama kutata nosapho lwakhe logama kusabonakaliswa ubudoda buka tata nokwandisa umnombo wakhe.

Ukubekelwa bucala kunye nokuzalwa komntwana wokuqala kwakusenzeka kwikhaya losapho luka mama. Emveni kokuzala umama nomntwana babebuyela kwikhaya lika tata apho kuthi kwenziwe isidlo sokubhiyoza, apho usapho luka mama luthi lwenze umnikelo wotywala nenyama. Oku kwakuthetha okokuba esona sinyanzeliso abafanele ukusenza kusapho lukatata basigqibile, oko ke kukunikeza umntwana ngomnye wamalungu wabo, apho a (magadi) inani elithile leenkomo kunye nemfuyo ephilayo okanye imali elingene ixabiso lazo ibhatelwe.

Njengoku nikeza imbeko kumama ngokuba ngumama, utata ebemokhela indlu eyodwa yokuhlala, kuba ngoku unalo igunya lokulawula umzi wakhe. Xa ebuya nomntwana, umama nomtwana babebekwa kwindawo ebucala ixesha elithile kwikhaya elitsha. Emveni koku, kwakusenziwa umbhiyozo (ngwana o tswa ntlong) wawusenziwa ukubbhiyozela ukufika komntwana kwicala lakulo tata. Kulo mbhiyozo, imisebenzi yayisenziwa yayigqiba umsebenzi wokwamkela umntwana kusapho kunye nomama kwindawo yokuba ngumama.

Iimpawu Zesiko Lolwaluko

©Dr Peter Magubane

Kwindawo zesintu sama Pedi, ukohlulwa ngesini yayi yinto ebalulekileyo kulwaluko, igxininisa umahluko obalulekileyo phakathi kwesini. Ulwaluko nalo laluchaza uhambo oluya ebudaleni kwaye lunikeza lowo wolukileyo indawo ekuhlaleni, kwaye endaweni yamadoda, igunya loku thabatha inxaxheba kwezopolitiko nemithetho.

Inzuzo ebalulekileyo eyayifumaneka kulwaluko yayi kukubuyisela ubukhosi bama Pedi phezulu kwabanye abantu nobukhosi okanye okubalulekileyo: iinkosi ezimbalwa kwakufuneka zifumane imvume kubukhosi bama Pedi phambi kokuqala ulwaluko. Ilungelo lokuvuma okanye lokwala lwalusengeza igunya kwinkosi ephetheyo ephezulu yama Pedi, ngalondlela yayimnikeza igunya nolawulo kwezopoliko kunye nokwenza imisebenzi efanele ukwenziwa.

Kumaxesha angoku, neenkosi zinegunya lokwalusa bucala kunolawulo oluphakathi, lomsebenzi uchaza ukutyeba kwezinkosi, ezihlala zityholelwa ukungasebenzisi imali kakuhle abathi bayiqokelele ngalendlela. Ulwaluko, olwaziwa ngokuba yi koma (isuka go koma, ukwalusa) okanye lebollo (isuka ku go bola, ukulimaza), yayi lelinye lamasiko abalulekileyo kwaye esisiseko samasiko ama Pedi.

Ukungena kwindawo zolwaluko kwakunyanzelekile kuwo wonke amakhwenkwe nama ntombazana akwiminyaka yolwaluko (iyehluka ke leminyaka), kodwa ke abafana nentombi babesoluswa ngokwahlukileyo. Amakhwenkwe ayehamba amatyeli amabini, amantombazana, kanye. Ngolwaluko babefumana igunya lokuba ngabantu abadala ngokusesikweni kwaye bafakwe kwiqela elilodwa. ulwaluko lusabalulekile kuma Pedi amaninzi, kodwa ke mhlawumbi ngoku sele iyimbonakaliso yokuqhekeka kwesizwe sama Pedi.

Umahluko omkhulu phakathi kwa baditshaba (abamasiko) kunye na bakriste (amakrestu), isukela kwinkolelo eziphikisanayo kodwa nokungena okanye ukungangeni kwisiko lolwaluko. Ingayiyo nembonakalo yobume namanqanaba ngokokuhlala kunye nemfundo. Logama uninzi lolwaluko lama Pedi lungatshintshanga, lungakhona utshintsho ukususela ngethuba iinkcukacha beziqokelelwa ngalo, apho okulandelayo bekuphezu kwako. Kubonwa ke njengoku dlulileyo.

Okokuqala amakhenkwe (bodika) bebezazisa kubulungu obupheleleyo kwiqela. Okwesibini (bogwera) yayibangenisa phakathi kwamanye amadoda, ngokwamanqanaba nendawo ekuhlaleni apho bazalelwe khona. iBogwera yayivumela amadoda ahlale emlilweni bathethe kwaye bathabathe inxaxheba kwezopolitiko, nezokuhlala. Ulwaluko lwentombi (byale) yadibanisa ubulungu beqela. Bavalwa ukuthabatha inxaxheba kwezopilitiko kunye nezasekuhlaleni. Babekelwa bucala kwabakho indawo ephezulu eyayithi ifunyanwe ngamadoda ngolwaluko lwesibini.

Translated by Zikhona Plaatjie