Ukufaka Izibulali zo Khula

© Louise Brodie
Ukufumana iziphumo ezingcono, izibulali zokhula kuneka zifakwe ngokwe miyalelo, kutshintshwe phakathi kwentlobo zemveliso enye, nezinye ukuthintela uku nyamezela okanye ukungasebenzi kwezibulali zokhula. Izibulali khula zingafakwa ngenjongo zoku tshabalisa ukhula okanye izityalo ezimileyo kwaye ezi seza kudubula, oko kubizwa ngokokuba lukhula olusakhulayo, okanye ukulawula ukhula osele ludubulile, oko kubizwa ngokokuba lukhula osele luphimile ludubulile.

Ukufaka Izibulali Zokhula Phambi Kokuba Liphume

Ukufaka isibulali kuhlobo loku khofola olusetyenzisiweyo. Kwi fama apho kusetyenziswa indlela zokukhofola zalemihla, izibulali khula kufuneka zifakwe ngoku khawuleza emveni kokuba umhlaba ukhofoliwe ukuze ukhula lungafumani xesha lokukhula, uGavin Matthews kwicwecwe alibhalileyo elithi pre-emergent herbicides remain important elishicilelwe kwingxenye ye Grain SA’ Pula Imvula magazine uyacebisa.
Xa ungakhofoli okanye ukhofola kancinci, ‘ukutshisa’ ukhula kungenziwa ukuze kutshabalaliswe lonke ukhula oluthe lawavela lulandelwa lukhula obelungeka phumi ukuvala ukhula lungakhuli. Nokuba kusetyenziswa ukukhofola okuqhelekileyo okanye okuncinci, izibulali khula kufuneka zifakwe xa isimo sezulu sifumile ukuze iikhemikhali zitsaleke emhlabeni uku tshabalalalisa iingcambu zokhula.

Ukufaka Izibulali Zokhula Emveni kokuba Liphumile

Ukufaka isibulali emveni kokuphuma kokhula kwaye lubonakala, oko kuthetha okokuba kufuneka lufunxwe ngamagqabi okhula ukutshabalalisa izityalo. Kweliphepha, Keep the enemy at bay, elivela kwi Grain SA Pula/Imvula Magazine, u Gavin Matthews unezingcebiso zilandelayo zokuba isetyenziswe:
Okokuqala, isibulali khula kufuneka sifakwe ngosuku elinangena moya, ukuthintela isifafazi singaphumi oko kungenza okokuba zingadibani, ukhula nesibulali khula.
Akufani nesibulali khula esifakwe phambi kokuba liphume ekufuneka lifakwe phantsi kwemeko sezulu ezifumileyo, isibulali khula xa sele liphumile ukhula kufuneka sifakwe ngemini enelanga elishushu, xa ukhula lukhula, ukuze iikhemikhali zingene kulo. Xa ukhula liyekile ukukhula, isibulali khula asizukusebenza okanye senze umahluko omncinci kakhulu.
Okwesithathu, ikhemikhali kufuneka isetyeniziswe nomlinganiselo wamanzi ofanalekeileyo nomlinganiselo wechontsi. Ngesiqhelo ngama 150 litres wamanzi asetyenziswa ngokwe hektare ngesifafazi esipholileyo ukuze iikhemikhali zifikelele kwisityalo. Umlinganiselo wamanzi kunye nomlinganiselo wethontsi, ziza kuxhomekeka kuhlobo olusetyenzisiweyo, buza lowo uthengisa iikhemikhali ngengcebiso yokuzisebenzisa.
Okwesine, isibulali khula kufuneka sifakwe ngoku khawuleza okufanayo ukuze ingafakwa kakhulu okanye kwenzeka ilahleko kwindawo apho bekucothwa kuzo okanye ibisafakwa ngexesha iteletele ibigqitha ngoku khawuleza.lowo ufafazayo kufuneka asebenze ngoku khawuleza ukusifaka, oku kuzakuxhomekeka kumhlaba ongaphezulu efama. Iikilometre ezilishumi ngeyure zilungile kwaye ziyanceda kwizibalo zokulungisa iimpazamo.
Okokugqibela, izongezeleli, ezifana nezincamatheli, zingasetyenziswa ukuncedisana nokusebenza kwesibulali khula ukuba sincamathele ngcono kumagqabi okhula nokuthintela umonakaliso owenziwa yimvula emveni kokufaka isifafazi. Kwakhona abavelisi bekhemikhali kufuneka kudityanwe nabo xa kunyanzelekile kufakwe isongezi nokokuba kusetyenziswe esiphi, kwaye esiphi isibulali khula.
Okokugqibela kwakhona, amafama kufuneka aqinisekise okokuba asebenzisa isibulali khula esifanelekileyo, ngamanye amagama, esi sizakutshabalalisa ukhula ekujongiswe kulo ngaphandle kokuchaphazela kakubi imveliso yesivuno.

Translated by Zikhona Plaatjie