Ukuchonga Oonomgrwabayi Ngokwembonakalo

©Nigel Dennis
Oonomgrwabayi bangenza ilahleko kwimfuyo, ngokufanayo nakwisivuno, iziqhamo, neefama zomdiliya. Inani elinyukayo liyaxhalabisa ngokwegalelo labo kwizirhubuluzi, iintaka ezincinci nezinye iintlobo zeentaka.
Kodwa ke, aziyongxaki kwaphela. Ngokwe Endangered Wildlife Trust, oonomgrwabayi badlala indima ebalulekileyo kwimveliso yokutya njengoko zisitya ezinye izilwanyana, nokuba zitya imizimba yezilwanyana ezifileyo oko ke kunceda uthintelo lwezifo. Banceda nakwi mpuku kunye neempuku ezinkulu ziphantsi kolawulo kwaye iingqweji zazo zithanda ukusetyenziswa zintaka - oophezukomkhono nazo eziphi na iintaka ezifana ne (Greater Kestrels ne Lanner Falcons).

Oonomyayi Nama Hlungulu

Oonomyayi (Corvus albus) kunye namahlungulu (Corvus albicollis) zezona ntaka ezenza iingxaki kwiifama. Oomoyayi abadala bamnyama ngombala umzimba wonke, ngaphandle nje komphambili wentamo omhlophe nomphezulu ofikelela ngaphantsi kwamabele, ecaleni komzimba kunye noboya obukhula phantsi kwekhwapha.
Oonomyayi abadala babubude obungama 45 cm, nobude bempiko obohluke ngokokuxuba, ngokukhula kunye neminyaka yentaka. Ziyafumaneka kumantla e-Afrika, kodwa ihlala kufuphi neefama, amahlathi, kwindawo zedolophu, kwindawo zokulahla inkunkuma, ekupheleni kweendlela neziporo zikaloliwe.
Ihlungulu elintamo imhlophe linomva omhlophe okhazimlayo omnyama nentamo emhlophe emveni kwentamo. Umlomo wayo otsolo omkhulu umnyama unendawo emhlophe. Ezindala zingama 50 ukuya ku 54 cm ubude, nempiko ezingama 48 ukuya kuma 43 cm. zifumaneka ku Mzantsi Afrika uphela, ingakumbi kwindawo ezinentaba, izigingqi, namatye kwindawo ezonyukayo logama zikukhangela ukutya ngaphandle jikelele.
Zombini ezintlobo zihlobana ubomi bazo bonke ngokwesondo. Iingqweji zityebile zenziwe ngamakhuni neengcambu, nodaka oluncinci ngaphakathi, ubulongwe, iwulu kunye nengca. Ixesha lokudibana liyohluka ngokwe simo sezulu, kodwa ngesiqhelo ukususela ngo July ukuya ku November kwihlungulu elintamo imhlophe ze ibengu July ukuya ku January kunomyayi. Iimazi zibeka amaqanda kane ukuya kwisihlanu ngexesha.

uKubulala Nendlela Yokutya

Oonomyayi namahlungulu antamo zimhlophe zenza umonakalo ombi. Izacholo zazo azikho tsolo ngokwaneleyo ukugqobhozela enyameni, yiyolonto zikhupha amehlo kumatakane egusha okanye amatakane egusha azimazi, zishiye amaxhoba azo engaboni. Zenza ilahleko enkulu kwimfuyo, ingakumbi kumaxesha embalela.
Kumzimba ofileyo wesilwanyana ovulekileyo kumehlo, umlomo, ngasemva, ezi ibazimpawu zokuba ikhona kwezintaka ekhe yazifikisela kweso silwanyana.

uLawulo

©Roger de la Harpe
Kunzima kakhulu ukulawula onomyayi. Abalulo uhlobo olukhuselekileyo, lilonke bangazingelwa efama, kodwa hayi kwindlela zika wonke-wonke okanye kwindawo zika masipala. Amanye amafama asebenzisa onomathotholo nezibonisi ezigxotha ezintaka, umzekelo, ukusebenzisa izithunzi okanye izoyikisi ezifana nabantu ezixhonyiweyo, ukoyikisa ezintaka zibaleke zibekude kwimfuyo nesivuno, logama ke abanye bebeka ucingo phezu kwesivuno sabo ukuzama ukusikhusela singonakaliswa ziintaka.
Ukusebenzisa ityhefu akukho semthethweni, kuba iye ichaphazele itshabalalise izilwanyana ezingeyiyo ingozi, kuquka izilwanyana ezitya ezinye ezinqabileyo.
Ulawulo olupheleleyo, okokuqala luquka ukwehlisa indlela zokutya ezifumanekayo. Oku kuthetha ulawulo olungcono lwenkunkuma nokususwa kwayo, ingakumbi kwindawo zokuhlala ezingamatyotyombe, ezolahla inkunkuma kunye nendawo zokuxhela izilwanyana. Iitoti ezingasebenziyo zinga gcinwa, ezokutyisa iintaka zisuswe,ze izitya zokutyela zifakwe ngaphakathi. Oku kuquka ulawulo olungcono lwe tolofiya, kuba ezintaka zoyanyaniswa noku sasaza itolofiya kummandla we Nama Karoo.
Okwesibini, oku kuthetha ukhuseleko olungcono lwemfuyo esemngciphekweni. Imazi zegusha ezimithiyo kufuneka zibekwe kwindawo ezincinci zokuhlala apho kulula okokuba umalusi azeluse, iiveki phambi kokuba zizale kwaye kufuneka zihlale apho iiveki ezimbalwa emveni kokuzala, de zona namathole zibe azikho semgciphekweni.
Ingweji namaqanda zingatshatyalaliswa, kodwa oku kungenza okokuba zifukame amaqanda angakumbi. Kubalulekile ukutshabalalisa amaqanda engeka qanduseli kubuyiselwe iqanda engqwejini.
Ukufumana ulwazi oluthe vetshe qhakamishelana nonobhala we Predation Managament Forum kufuphi kuwe.

Translated by Zikhona Plaatjie