uKubamba iiBhokhwe

©Marinda Louw
Iibhokhwe kufuneka zibanjiwe kwimisebenzi efana nokuzigonyisa, ukukhupha iintshulube, ukuzicheba nokuzohlula-hlula. Amacingo ayanceda ukugcina amathuba okonzakala ephantsi kunye nokukhathazeka kwisilwanyana nakumnikazi fama. Amacingo amancinci nendawo zokuzibamba zenza kube lula ukuzibamba iibhokhwe kunokuzama ukuzibamba kwinkampi enkulu.
Iibhokhwe zikrelekrele kakhulu kwaye kunganzima ukuzibamba kunenkomo okanye igusha xa usebenzisa izixhobo zokuzibamba. Azikwazi ukuzihambela nje, kwaye ziyakhawuleza ukuzikhathaza. Xa zisoyika, ziqukana ekoneni okanye zilale phantsi ziqumbe, kodwa zinganawo nomsindo kwezinye.
Eyonanto kufuneka iqaphelwe xa kubanjwa iibhokhwe kukuzigcina zipholile emoyeni nokuthintela ukonzakala. Sebenza ngomoya othobekileyo nangokuthula neebhokhwe zakho, ungazinyanzelisi kwaye ungazinqangisi. Ungaziwisi, ungazijuli, ungazirhuqi iibhokhwe okanye uzitsale ngesikhumba, ngomsila, ndlebe, imilenze, intloko okanye ngentamo konke oku akuvumelekanga.
Xa ubamba iibhokhwe, kufuneka uqonde isimilo sazo sendalo. Umzekelo, zikhetha ukuya kwindawo ekhanyayo kune ndawo emnyama. Azithandi ukungena kwindawo ezimnyamakwaye ziyakhawuleza ukuphazamiseka yingxolo. Iibhokhwe ziyathanda ukulandela umkhokheli wazo kwaye xa zivalelwe kumacingo wazo akhuselekileyo, zithanda ukujikeleza kwisangqa ngaphakathi.
Iibhokhwe zikhetha ukuhlala ziyimihlambi kwaye zihamba hambe zilusapho, zivumela iimazi zebhokhwe ezindala zihambe phambili. Ukuzohlula kungenza ukukhathazeka kuzo. Zinganomsindo xazivalelekile kwaye zibe nomvandedwa. Oku kungazenza zitsibe zifumane iindawo zokubaleka. Lumka ke xa uphethe iinkunzi zebhokhwe, kuba iinkunzi zebhokhwe ezinomsindo okanye umvandedwa zingonzakalisa ezinye iibhokhwe kunye nawe.
Iibhokhwe azithandi ukuqhutywa ebumnyameni kwaye kubangcono kuzo xa umntu esima emveni kwegxalaba lazo, kodwa ekwazi ukuzibona. Ukuze iibhokhwe zihamba hambe endaweni emxinwa umzekelo kwindawo ezifakwa kuyo eyitonela, nawe hamba ngoku khawuleza, ngakulendawo imxinwa kwindawo ejongene neebhokhwe; oku kuzakuzenza zihambe ngoku khawuleza kulendawo.

uNgayibamba Kanjani iBhokhwe

©Marinda Louw
Ukubamba ibhokhwe, chwechwa uye kwicala layo, yibambe emazantsi empondo okanye phezulu kwimilenze yangemva, hayi ‘eqatheni’. Bamba ibhokhwe esencinci ngesandla esinye ngaphambili kwimilenze yanga phambini nenye ingalo emveni kwemilenze yangemva. Akufuneka iibhokhwe uzitsale ngemilenze, umsila akufunekanga uphakamisweokanye ujijwe kwaye zingahanjiswa okanye ukutsalwa ngempondo, indlebe okanye umsila.
Xa kufuneka ubambe ibhokhwe, bamba amazantsi empondo hayi imiphezulu yempondo. Ibhokhwe kufuneka ibanjwe ngesandla esinye okanye ingalo ngaphantsi kwentamo esinye sijikeleze apha ecaleni. Xa ibhokhwe ‘ijijiwe’ ukuze ihlolwe amazantsi esisu, ukucheba uboya okanye ukucheba inzipho qala kumlenze wase khohlo. Amathumbu ajikeleza kwelinye icala kwaye ehlisa imeko engaqhelekanga yesibindi esijikekileyo. (Jonga ukususela emsileni webhokhwe, kufuneka ujikeleze ngendlela eya ngaphambili.) Xa ibhokhwe iphinde yabekwa phantsi ngenyawo zayo xa ibi 'hleli’ mayi guqulwe ukuze inyawo zase khohlo ziqale ukufika emhlabeni. Ungaze utsale isilwanyana ngemilenze, sebenzisaisixhobo esithile okanye uyiphazamise ebusweni.

uKubamba iiBhokwe Emadlelweni

Kumadlelo amakhulu, izinja (ukusebenzela kude kumhlambi) kungaluncedo. Iibhokhwe zizaku dibana zonke ziqale ukuhamba xa ziqaphela izinja. Ngesiqhelo, oku kuthetha okokuba ziyakhawuleza ukonyuka intaba.
Iibhokhwe siyakhawuleza ukonyuka iqhina kune ndawo eyehlayo. Kunzima ukuhambisa imihlambi emikhulu ukwehla, ingakumbi xa zisengabantwana okanye sisandula ukulunyulwa. Ziye zohlukane xa ziwelele eqhineni. Zihambe kancinci ukwehla.
Kuphela iintonga ezingonzakalisiyo okanye imvubu mazi setyenziswe xa kuqhutywa izilwanyane. Kungcono ubethe phantsi kunokuba ubethe uqobo lwesilwanyane. Izilwanyanaezihamba ngamaqoqo enzipho, kufuneka zinga ngxanyiswa, zingakhawuleziswa kakhulukwizilwanyana ezicothayo kwaye hayi ngaphezulu kwe 20km (kusuku lokuqala) hayi ngaphezulu kwe 15 km ngentsuku ezilandelanayo.

uKuhambisa iiBhokhwe Ngesithuthi

iiBhokhwe kufuneka zibenamanzi nokutya okusempilweni phambi kokuba zihanjiswe nase mveni kokuhanjiswa. Xa ibhokwe ziqeqeshiwe ixesha lazo lokuyeka ukudinwa liye libangcono emveni kokuhanjiswa. Ngamanye amaxesha iibhokhwe singaqumba zingatyi emveni kokuba zihanjisiwe. Iibhokhwe ezizakuhanjiswa umgama omde kufuneka zibese mpilweni.
Izithuthi ezihanjiswa ngazo iibhokhwe kufuneka zingabikho mtyibilizi phantsi (kwaye zibene bhedi efana nengca eqinileyo okanye imizi) amacala abemakhulu ku 750 mm, nokungena komoya, kwaye nokukhanya. Izithuthi kufuneka zivaleleke ngokupheleleyo. Itrukhi kufuneka igqunywe nge seyile eyenzelwe oku.
Ukukhusela izilwanyane emoyeni nemvula, kodwa kufuneka kungene umoya owaneleleyo. Unga gcini itrukhi ixesha elingapha kwe yure ngaphandle kokunikeza umthunzi okanye umoya.
Kubalulekile ukohlula iibhokhwe ngokwama nani amancinci kwi trukhi ukuze zingonzakali okanye zifuthamiselane. Hlula izilwanyane ezinempondo kwezingenazo iimpondo, amadoda kubafazi kunye nezinkulu kwezincinci ukukhusela zingonakalisani.
Iibhokhwe ezingaboniyo ngamehlo maziphawulwe ngombala ocace gca kwelimehlo lingaboniyo kwaye nangasemva kwintsula zombini. Kufuneka zoluswe zodwa bucala. Ukuzithutha nokuxhalaba kungachaza ingxaki ezithile ezingaqaphelekiyo. Iibhokhwe zinganempawu zempilo usuleleko esifubeni kunye nengqele egqithisileyo (pneumonia) okanye iincukuthu ngenxa yokuxhalaba ngexesha ezihanjiswa ngalo.
Xa zisothulwa, qinisekisa ukusebenzisa izitepusi ezingatyibilikisiyo kwaye unikeze amanzi asempilweni nokutya kwamsinyane. Akufunekanga ziwiswe iibhokhwe okanye zitsibe xa zisehla kwisithuthi kubude obungapha ko 1.5m.

Translated by Zikhona Plaatjie