Iingxaki Zesikhumba seHagu - Ukonzakala kunye Nokutshiswa Lilanga

©Glenneis Kriel
Ihagu esempilweni inesikhumba esicocekileyo, esithambileyo kwaye esinokhazimlo oluthe gqa. Ngokwe qela le Pork Producers Production Organisation’s incwadi ethi pigs for profit. Kukhona okungalunganga xa isikhumba simbala obomvu okanye mfusa, sophukile, sinamanxeba, sisopha, siphuma ubofu, siqhuqheka, sinamakhokho, izigxala, okanye amabala-bala, naxa kukho iincukuthu ezibonakalayo kwaye iihagu zihleli nje ziyazi nyhala ezintweni ukuzama ukuthoma lalisa urhawuzelelo. Ezinye ke ezinto ezithi zosulelele isikhuma sehagu, ziyavezwa apha.

uKonzakala

©Dr Jim Robinson
Amanxeba, isikhumba esivulekileyo, ubofu, nezinambuzane ezithi zingqungane endaweni enye ehagwini zingenziwa kukulwa, ukulumana, okanye ukwenzakaliswa izinto ezibukhali ezifana nezikhonkwane, amacingo okanye indawo ezibukhali zee methali.
uNyango
Amanxeba kufuneka acocwe ngesithinteli zifo, zakugqiba zifafazwe ngesi preyi, esifana ne iodine okanye igentian violet. Amafama kufuneka angagcini iihagu ezininzi, kuba oku kuza kwenza iihagu zilwe. Iindawo ekugcinwa kuzo iihagu kufuneka zihlolwe rhoqo ukuze kuqatshwelwe, kususwe, kugcinwe okanye kulungiswe apho kungathi kwenzakale izilwanyana.

uKutshiswa Lilanga

©Glenneis Kriel
Logama iihagu ezine mibala izezona zingalunge laniyo nelanga, elithi lizibonakalise ngokuthi isikhumba sibe bomvu sibe buhlungu, ngamanye amaxesha isikhumba sibe namathumba. Ukutshiswa lilanga kungenza iihagu zigule ngenxa yobu shushu, neempawu eziquka ukuxhalaba, ukuphefumlela phezulu, ukungcangcazela kwemisipha, isikhumba esibomvu, ukuba buthathaka, ukugabha, ukuhambisa, ukuphelelwa ngamanzi ezimbeni okanye umkhuhlane. Iihagu zingafa bubushushu xa zinga nyangwanga ngethuba.
Imiqolo ebhalwe yi National Animal Disease Information Service (NADIS), pig health-Sunburn and heat stroke/heat stress, ukutshiswa lilanga kungabhidaniswa nezinye iimeko zangaphandle ezinokwenza isikhumba sibe bomvu, kwaye senza nama dyunguza, okufana nokungadibani kakhulu nelanga okwenziwa zizityalo ezithile, umzekelo iparsnips, iminqathe, parsley, irape kunye nengqolowa (oats).

©Dr Jim Robinson
uNyango
Ukuthintela ukutshiswa lilanga nokubethwa lilanga, hagu nganye kumhlambi kufuneka ibenomthunzi, amanzi apholileyo kwaye acocekileyo. Udaka lokuzifaka, kwihagu ezigcinwa ngaphandle, oku kungakhusela kwi langa kancinci xa umzimba wonke wehagu usonela eludakeni.
i-NADIS icebisa okokuba kusetyenziswe isithambisi sokunceda okanye isithomalalisi ukuze ihagu iyeke ukungaziva kakuhle kwaye incedakale ekuphileni xa ithe yatshiswa kakhulu lilanga, kwaye kusetyenziswe ipilisi zeentlungu ezingena ziyobisi, kwaye ezilwa nokudumba okuhamba neentlungu kwimeko ezinobu zaza.
iPig Site kwihlelo layo elifutshane eliyi’ Quick Disease Guide’, lucebisa okokuba amafama anyange iihagu ebushushwini ngokuthi azifake emanzini abandayo okanye azifafaze, nokuba azitshiza ngamanzi abandayo apha ezimpundwini zehagu asebenzise umbhobho ofafazayo.

Translated by Zikhona Plaatjie